Yenza oonodoli abantsundu imvumi eyaziwayo

2019-08-22 06:01
U-Yolanda Yawa ubonisa ngabanye bonodoli abenzileyo.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

U-Yolanda Yawa ubonisa ngabanye bonodoli abenzileyo.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Iqale ishishini elitsha lokwenza oonodoli abantsundu imvumi yodumo yaseGugulethu uYolanda Yawa.

Lo mculi weAfro–Jazz nokwanguye nomthungi wempahla uthi uliqale eli shishini kunyaka ophelileyo emva kokuchukunyiswa yimpatho mbi nokuxhatshazwa kwabantu abamnyama kwilizwe laseMelika.

“Njengokuba ndikwanguye nomntu olwela amalungelo abantu abaphila ne HIV/Aids ndiye ndachukunyiswa yimeko yabantu abamnyama abaseMelika emva kokuba beqale iphulo lokulwa ucalucalulo elithi ‘Black Lives Matter’,” utshilo. “Njengamntu obathandayo abantwana ingakumbi amantombazana ndabona ukuba mandiqale eli shishini lokwenza oonodoli abantsundu ukuzama ukubakhuthaza ukuba nabo bazithande,”ucacise watsho.

U-Yawa uchaze unodoli nje ngenye yezinto ezibaluleke kakhulu empilweni yomntwana xa ekhula.

“Umntwana uyakwazi ukunxibelelana no nodoli ngoba bayancokola ngohlobo lwabo kwaye bahleke. Lanto imenza umntwana afunde ukuba nononophelo akwazi nokumcingela. Yonke lanto bayenzayo abantwana xa bedlala iyafundisa baye bakhule nayo,” uthethe watsho.

Uthe akoneli nje ubenza babukeke bentsundu uyabanxibisa abenze ne nelwe.

Wongeze ngelithi injongo yakhe kukubenza babekwizinga eliphezulu bafane naba nodoli kuthiwa ngo bubby.

U-Yawa, nongumana wabantwana ababini, uthi unohlobo lwakhe olukhethekileyo loonodoli alibiza ngokuba yi Luvuthando Dolls.

“Aba nodoli bayakwazi ukuma ngoluhlobo ufuna bame ngalo bathambile. Kwaye unodoli ngamnye unegama lakhe lesintu. Abanye babathengi bam baye bandicele ukuba ndibenzele oonodoli abakhethekileyo abafana bodwa okanye acele ukuba ndimenzele unodoli ofana naye yena lomntu,”uchaze watsho.

Wongeza ngelithi uyabenza nonodoli abafana namaNdiya kunye nabazi albino.

U-Yawa uthe nangona abantu abantsundu bengakuxabisanga kangako ukuthenga oonodoli kodwa liya likhula inani labo.

“Abantu abantsundu babathenga oonodoli amaxesha amaninzi xa kukho lonto ibalulekileyo ibhiyozelwayo enje nge sikhumbuzo sokuzalwa komntu. Ukanti abantu abamhlophe babathenga nanini na becingile,” utshilo uYawa.

Njengomntu otshate nomntu omhlophe ohlala eHolland uYawa uthi uyaqinisekisa ukuba qho ngenyanga uza eMzantsi uzokujonga ishishini lakhe. “Ndinevenkile ezimbini endithengisa kuzo ezisedolophini eKapa iDesign Collective kunye ne Cape Town Friend. Ukanti zikhona nezinye ivenkile endithengisa kuzo eHolland nase Belgium,” utshilo.

Uthe oyena nodoli ufikelelekayo uxabisa ama R350 ukanti oyena wexabiso eliphezulu ngama R650.

Uthe unabantu abathathu abamncedisayo okwethutyana noxa aye acele nabanye xa ngaba kufakwe izicelo ezininzi zoonodoli.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.