Yenza umhluko intsha

2019-03-28 06:00
Umama uMvumvu ugxagwe ngamalungu eBumbano ngexesha bebezokunikisa ngempahla.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Umama uMvumvu ugxagwe ngamalungu eBumbano ngexesha bebezokunikisa ngempahla.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibiluchulumanco nemincili kwikhaya eligcina abantwana abazinkedama iLitha Labantwana, eKhayelitsha, ngethuba amalungu ombutho uBumbano unikezela ngempahla yokunxiba kwiqela labantwana elihlala kweli khaya ngoMgqibelo odlulileyo.

Eli khaya ligcina abantwana abangenabazali abaphakathi kwe minyaka emihlanu ne 18, logama umbutho iBumbano ujongene nokuphucula impilo yabantu abangathathi ntweni.

Isithethi salo mbutho uLindokuhle Bambelo uwuchaze lo mbutho njengosemtsha kakhulu. Uthe wayilwa ngomnyaka ka 2016.

U-Bambelo uwuchaze lo mcimbi njengelinye lamaphulo abawenzayo ukuzama ukunceda nokuguqula impilo yabantwana abangathathi ntweni.

Uthe abaqali kundwendwela eli khaya.

“Siyaqala ukuphisa ngempahla kweli khaya. Amaxesha amaninzi besisoloko sincedisa kumakhaya atshelweyo apho besisoloko siqokelela iimpahla siyonikisa ngazo,” utshilo uBambelo.

Wongeze ngelithi baneenkqubo ezintathu abazenzayo kulo mbutho ukuphucula ukuhlala.

“Sinenkqubo esiyibiza ukuba ‘Masincedane’ apho sihamba sicela iimpahla kubantu ngabantu ukuze siphise ngazo kubantu abazidingayo. Okwesibini siye sindwendwele izikolo zamabanga aphantsi apho siye sibakhuthaze sibaxelele ngobungozi beziyobisi noxinizelelo olwenziwa zitshomi. Eyesithathu inkqubo sithi yi-‘Masifundisane’ apho sindwendwela amathala encwadi apha eKhayelitsha sincedise abantwana abancinci ekufundeni nasekubhaleni,” utshilo uBambelo.

Umseki weli khaya uRose Mvumvu, 70, ubambe ngazo zozibini ebulela igalelo elenziwe ngamalungu eUbumbano nalichaze njengelizakwenza umahluko kubo.

Uthe eli khaya linabantwana abalishuma abaqala kwiminyaka emihlanu ukuya kwengamashumu elinesihlanu.

“Kwababantwana ezimpahla zithetha lukhulu kubo ngoba bebengenazo kwaye bazakubabahle bafane nabanye abantwana. Abantwana baziswa ngonontlalo ntle abanye babo bafika besebancinci bakhulela apha ngokuba belahlwe ngonina,” utshilo uMvumvu.

Uthe ezona zinto zingamandla athi abethakale kuzo kukunqongophala kokutya nempahla zokunxiba. Wongeze ngelibongoza oosomashishini abasekuhlani ngokubacela babaxhase.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.