Yenza unako-nako ukususa abantwana ezindleleni icawa

2019-12-12 06:00
U Monwabisi Nkantsu ngomnye wabo badlalisa abantwana eSamora Machel ngexesha leholide. UMFANEKISO: siyabonga kalipa

U Monwabisi Nkantsu ngomnye wabo badlalisa abantwana eSamora Machel ngexesha leholide. UMFANEKISO: siyabonga kalipa

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibandla iCommunity Church International, eSamora Machel, liqale iphulo lokugcina abantwana bekhuselekile ngexesha leholide zehlobo.

Eli phulo lisungulwe ngoLwesine weveki ephelileyo, kwaye lizakuthi ligcina abantwana iintsuku ezintlanu evekini, ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo, nalapho baza kuthi benze izinto ezahlukeneyo.

Omnye wabaququzeleli bale nkqubo uTabisa Gqwangu uthe le nkqubo bayiqala kwiholide zehlobo zonyaka ophelileyo, kwaye baye bayenza nange holide zobusika.

Uthe banenkqubo ezahlukeneyo nalapho baye bafundise abantwana ngendlela yokuziphatha, nokuba badlalele kude kwizinto ezinokuba dibanisa nokuba bazibone besophula umthetho. Ukanti banothotho lwemidlalo yokonwabisa abantwana.

Ukanti baphinde baxhobise abantwana ngezinto eziphathelene ne sondo ukuthintela ukukhulelwa ngaphambi kwexesha.

“Xa ingama xesha eholide abantwana baye bagcwale ezindleleni nalapho baye benze izinto ezingalunganga, ngoku thina sibasusa kwezo zinto,” utshilo.

U-Ngqwangu uthe bakwancedisana nabazali kuba abanye babo basemisebenzini emini ngoko abayazi ukuba abantwana babo benza ntoni ngelo xesha.

Uthe abahlali bale ngingqi bayabaxhasa kakhulu ngale nto bayenzayo, kuba bebona ukuba ingaba luncedo ekulweni ulwaphulo mthetho. “Abanye babazali abakhoyo ngexesha esiqhuba lenkqubo ngalo baye bazinike ithuba bazokusibukela,” utshilo.

Umfundisi weli bandla uNkosinathi Madywabe uthe kubalulekile kakhulu oko bakwenzayo. Ngeli phulo uthe babasusa abantwa abaninzi kwimpembelelo ezimbi zasekuhlaleni.

Uthe enye yezinto abayigxinisisisayo kukubaluleka kwesikolo nemfundo kuba iyakuthi ibancede baphile ubomi obungcono, baphinde bakwazi nokuxhasa amakhaya nentsapho zabo xa bekhulile.

U-Madywabe uthe kule ngingqi bajongene nezinto ezimbi ezininzi kuba abantwana baye basebenzise iziyobisi besebancinci ngenxa yoxinezelelo oluvela kwiitshomi.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.