Yenza utshintsho intwazana

2019-04-11 06:01
Abafundi bebanga lokuqala besikolo samabanga aphantsi Ikhwezilesizwe, eKhayelitsha, bawongwe ngempahla zesikolo ezintsha kwiveki ephelileyo. IIMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Abafundi bebanga lokuqala besikolo samabanga aphantsi Ikhwezilesizwe, eKhayelitsha, bawongwe ngempahla zesikolo ezintsha kwiveki ephelileyo. IIMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ngabafundi abangama 50 kunye nabazali babo abaphuma kwisikolo samabanga aphantsi Ikhwezilesizwe, eKhayelitsha, abathe baxhamla kwizinxibo zesikolo ngethuba igqiyazana uFundisa Lusithi enikezela ngenkxaso.

Oka Lusithi uthe wanikezela ngezi zinxibo ngoLwesihlanu weveki edlulileyo, logama icandelo lezophuhliso loluntu loMzantsi Afrika iSouth Africa Social Security Agency, uSASSA ngamafutshane, ithe yabinza ngokusiwa phantsi kwempumlo

Impahla zesikolo zabafundi beziquka ikawusi, ijezi, izihlangu kwakunye netyhunikhi beziye zaxabisa R9 000.

Abazali bona banikwe umzali ngamnye ukutya okuxabisa iR776 nazakutya nosapho lwakhe.

U-Lusithi, nothe waququzelela lo msitho, unikele ngempahla zesikolo waze uSASSA) wanikela ngokutya.

Umzali, uBongiwe Ankrah, uthe uswele imilomo eliwaka yokwenza umbulelo. Uthe esi sipho sizakuthi sibancede kakhulu belusapho.

“Ndingumzali okhulisa abantwana ndindedwa kwaye andiphangeli oku kutya nale mpahla yesikolo izakundiphungulela umthwalo ngeyona ndlela,” utshilo uAnkrah.

Uqhwabele izandla abantu abathe beza nalo mbono mhle ngale ndlela.

Omnye umzali uMphathi Dosi naye uye wabulela esithi uswele amazwi kuba ebangakulindelanga oko bakufumeneyo.

“Ndibulela kakhulu kusisi nequmrhu lakhe kwakunye nakwisebe lika rhulumente, inga bangenjenje nakwabanye,” utshilo uDosi. U-Lusithi, nongumsebenzi kwinkampani yamafutha yakwa eyaziwayo, uthe uncedwe ngogxa bakhe ekwenzeni lo msebenzi ube yimpumelelo.

U-Lusithi, nokhule wafunda eKhayelitsha, uthe uyayazi ukuba imeko iye ibenjani kwabanye abafundi ngenxa yemizi abasuka kuyo.

“Ndiye ndathatha isigqibo sokuba mandikhuphe epokothweni yam kuba ndisazi ubunzima amanye amakhaya ajongene nabo, kodwa ndiye ndacela ogxa bam ukuba sincedisane,” utshilo uLusithi.

Uthe imali abaye bakwazi ukuyidibanisa nogxa bakhe iye yenza ama R9000, mali leyo abathe bathenga ngayo le mpahla kwakunye nokutya.

Uthe into ebangele ukuba enze oku uyibona imfundo iyinto ebalulekileyo kakhulu.

“Imfundo sisitshixo aba bafundi abanozikhupha kwiimeko abakuzo ngaso. Imeko okuyo namhlanje ayithethi ukuba kuya kubanjalo nakwikamva lakho,” utshilo uLusithi.

Inqununu yesi sikolo uNorma Mayeye uthe ukuhlupheka kwamakhaya abanye abafundi kuye kuchaphazele izifundo zabo. Uthe baye bazibone behlelelekile kunabanye abantwana.

U-Mayeye uthe lento yenzelwe abafundi bakhe izakuba khuthaza kakhulu kwaye bazakutsho babone ukuba bajongiwe kwaye bayathandwa ekuhlaleni.

Wothulele umnqwazi uLusithi kwakunye necandelo lwaka SASSA ngenkxaso yalo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.