Yenze imbali ikwayara

2019-07-18 06:01
ILanga Methodist Church Choir ibiyokucula ngaphesheya kolwandlePHOTO:

ILanga Methodist Church Choir ibiyokucula ngaphesheya kolwandlePHOTO:

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Azingomba amacala amalungu ekwayara yebandla lama Wesile, kwaLanga, emva kokuthabatha inxaxheba kumnyhadala womculo iGlastonbury Festival kwilizwe lase Ngilane.

Lo mnyhala, weentsuku ezintlanu, ubanjwa rhoqo ngonyaka kummandla iPilton, eSomerset, ukususela ngomnyaka ka1970. Ngamawaka-waka abantu kuquka amaqela omculo, ulonwabo kunye nezinye iindidi zemidlalo, ezithi zibe yinxalenye yalo msitho no ngomnye weyona mikhulu ehlabathini.

Baqikelelwa kuma 350 000 abantu abathi bawubukele kwilizwe jikelele.

Umyhadala walo nyaka ububanjwe phakathi komhla wama 26 nomhla wama 30 kweye Silimela.

Ukanti eli qela lakwa Langa lithe lachongwa njengelinye lamaqela ambalwa avela kumazwe angaphandle.

Umququzeleli wekwayara uNkululeko Hila uthe bafumana isimemo kumququzeleli walo mnyhadala, uMicheal Eavis, ngethuba etyelele eli loMzantsi Afrika kunyaka ophelileyo. “Ngexesha wayeze apha eMzantsi waye watyelela ibandla lethu nalapho waye wathanda indlela esicula ngayo ukuze abe uyasimema,” utshilo.

Uthe beleli qela ibikokuqala bephuma ukuya kucula phesheya kwezilwandle.

U-Hila uthe nangona benamalungu angama 42, ngama 34 amalungu athe akwazi ukuba yinxalenye yolu hambo. Uthe baye bacula amaculo aseWesile kuba bengafuni ukuzenza abantu abangengabo.

“Ababukeli bebezama ukucula nathi nangona bengawazi amaculo ethu abanye babo bephakama bedanisa ukubonakalisa ukuba bawonwabele lo mculo,” utshilo.

U-Hila wongeze ngelithi bavuya kakhulu lithuba abathe balifumana, kwaye unqwenela ukuba nalapha eMzantsi bangaba yinxalenye yemisitho yomculo wekwayara.

Ilungu le kwayara uNomzamo Mabuto uthe ebenemincili kakhulu ekubeni evile ukuba baza kuya kucula phesheya kezilwandle.

“Azange ndakhe ndaya phesheya bendinemincili kakhulu kodwa bendizixelele ukuba andizokoyika kuba andiyazi into esilindileyo phambili,” utshilo uMabuto.

Uthe abababukeli baye bawonwabela kakhulu umculo wabo nangona bebecula ngesiXhosa abangasaziyo.

Naye ukwathe unomnqweno wokuba bangabandakanyeka kwiminyhadala yomculo yeekwayara apha eMzantsi Afrika.

Elinye ilungu uXolelwa Kakaza uthe uye wavuya kakhulu ukuva ukuba uzakube esiya phesheya eyo kucula kuba umculo yinto ayithanda kakhulu.

Uthe ufunde lukhulu kuba nangona bebeyokucula. Waleke ngelithi uvuyiswe nayinto yokubona ababukeli baye bawamnkela ngazo zozibini umculo wabo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.