Yokutyala uhlaza

2018-11-22 06:02
Ukusukela ekhohlo nguLiyena Mcolweni, phakathi nguLindiwe Somdaka, kunye noNomawabo Gubevu, base Mokone kwa Langa.               UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Ukusukela ekhohlo nguLiyena Mcolweni, phakathi nguLindiwe Somdaka, kunye noNomawabo Gubevu, base Mokone kwa Langa. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bayazingca ngegalelo labo ekulweni indlala abafundi kunye nootitshala besikolo samabanga aphantsi iMokone kwaLanga.

Ngokubambisana nootitshala, abafundi besi sikolo benza ezibukwayo ngokuthi batyale uthotho lwemifuno kwisitiya esikumasango esikolo.

Le mifuno ithi yondle abafundi, ize eminye ithengiswe, nalapho ingeniso ithi incede abafundi kweminye yemiceli-mngeni abajongene nayo.

Kutshanje, esi sikolo sithe sayinxalenye yehlabathi, yokubhiyozela usuku lwezidlo, iWorld Food Day ngela semzini.

Lo mbhiyozo ulandele ukusekwa kombutho wezidlo notyalo- Food and Agriculture Organisation, yeZizwe Ezimanyeneyo ngonyaka ka1945, ngenjongo zokuqinisekisa ukuba ukutya okusemgangathweni kufumaneka kuye wonke umntu ehlabathini.

U-Zolile Raphahlelo, oyinqununu yesi sikolo, uthe basiqala esi sitiya kwisithuba seminyaka engaphezulu kwemihlanu.

Uthe baqala ngendawana nje eli cuzwana, kufuphi namagumbi okufundela. Uthe baqaphela ukuba abafundi bayayinyathela le mifuno, kwanyanzeleka ukuba baxoze mphini wumbi.

Bagqiba kwelokuba basebenzise umhlaba ochaseleyo kumagumbi. Esi sigqibo safana twatse nokuphumelela ilotto, kuba kwathi kanti lo mhlaba uchume kakhulu, kungoku nje yonke into yabo iphala phambili.

Imifuno yabo iyachuma kwaye isivuno sihle kakhulu. URaphahlelo uthe bavuyiswa nakukufumana inkxaso kurhulumente wephondo.

“Urhulumente uye wangenelela xa ebona lento intle siyenzayo, waze wasincedisa ngokusifakela ucingo, sabiya.”

Uthe abakuvunayo kwesi sitiya kuye kuncedise ekutyiseni abafundi babo isidlo sasemini, kwaye baye bathengisele otitshala esinye isivuno, njengoko isebe lingakwazi kuba nceda ngento yonke.

“Esi sitiya siziphilisa kwangokwaso, kuba siye sithi xasivunile, sithengise, siphinde sithenge izinto esishota ngazo,” utshilo.

Uthe asipheleli nje ekubeni sondle abafundi, koko siye sibancede kwizi fundo nezibalo.

Uthe kwizibalo, abafundi bancedakala ngokuthi bakwazi ukubala nokujonga imigama. Uthe isitiya ngasinye sinomgama othile. Phakathi kwezinto ezityalwe kule gadi kukho amakhaphetshu, iminqathe, amatswele, isipinatshi, iitapile, ibitruthi kwakunye neentyatyambo .

Abanye babafundi baye bathabathe inxaxheba ekutyaleni naseku nkcenkcesheleni, njengo Liyema Mcolweni(14), nothe wazibandakanya nesi sitiya ngomnyaka ka 2015.

“Ndithanda kakhulu ukuhlakulela nokuvuna, ingakumbi kuba ekhaya asinaso, asina namhlaba waneleyo.”

uNomawabo Gubevu(13), uthe yena ungumntu othanda ukunceda abanye abantu, kwaye uthe wakubona ukuba isitiya sinceda ogxabakhe, wanomdla.

“Ndithanda lento yokuba xasithe savuna oko sikuvunileyo kuphinde kuncede abanye abafundi apha esikolweni,” utshilo uGubevu.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

IT Manager (contract)

Cape Town CBD
Communicate Cape Town IT
R330 000.00 - R458 000.00 Per Year

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.