Zicela intsebenziswano iingcibi

2019-06-13 06:00
Amalungu ombutho uSomagwaza Institute akwazizo neengcibi uMichael ‘Ndlovu’ Mabutho (ekhohlo) kunye no Zolile ‘Zizi’ Cagwe abongoza abazali ukuba basebenzisane nabo. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Amalungu ombutho uSomagwaza Institute akwazizo neengcibi uMichael ‘Ndlovu’ Mabutho (ekhohlo) kunye no Zolile ‘Zizi’ Cagwe abongoza abazali ukuba basebenzisane nabo. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Amalungu egqiza elijongene no lwaluko kwiphondo le Ntshona Koloni iSomagwaza Institute abangoza abazali kwakunye namakhwenkwe azakuya esuthwini kule nyanga sikuyo ukuba basebenzisane nabo ukuzama ukhusela impilo zabakhwetha.

Eli gqiza lithi iingcibi zinengxaki nabazali abathi banganyaniseki malunga nempilo yabantwana babo phambi kokuba baye esuthwini, nto leyo ithi ibeke ubomi babakhwetha esichengeni.

U-Somagwaza ngumbutho weengcibi kunye namakhankatha kweli le Ntshona Koloni.

Ethetha ne-City Vision ngakwihlathi lolwaluko kufuphi nesikhululo sikaloliwe sase Stock Road, e-Philippi, ngoMgqibelo odlulileyo amalungu alo mbutho athe anqwenela intsebenziswano phakathi kwabazali kunye namakhwenkwe azakuthi angene.

Othethela umbutho nokwa yingcibi uMichael ‘Ndlovu’ Mabutho uthe: “Ingxaki abanye abazali ababinanyani ngohlobo lokuba baye bangasixeleli xa ngaba unyana lowo bamolusayo ukuba utya amayeza ngenxa yesigulo esithile okanye iziyobisi,” utshilo. “Lo nto iye yenze kubekho ubuzaza xa sele inkwenkwe leyo isebhumeni ingaphatheki kakuhle.”

Wongeze ngelithi abazali mababazise ngayo yonke into ngenkwenkwe phambi kokuba ingene. Uyigxininisile into yokuba abasebenzi ngenkwenkwe engenaso isiqinisekiso esivela kugqirha esibonisa ukuba inkwenkwe leyo ikwisimo sempilo esihle.

“Kukho iphepha ekufuneka inkwenkwe iligcwalisile phambi kokuba yoluke. Kukho apho kufuneka lityikitywe ngugqirha, ngumzali, yinkwenkwe kunye nengcibi. Ukuba alikho okanye kukho umntu ongatyikityanga siyayijikisa lo nkwenkwe,” uthethe watsho.

U-Ndlovu uchaze ukunqongophala kwamahlathi okwalusela abakhwetha nje ngeyona ngxaki imandla.

“Ela hlathi lingase Hazeldene layekwa ukusetyenziswa ngoba abahlali baloxutha bagxumeka amatyotyombe ngenkani. Eli lingase Khwezi linengxaki yokudama amanzi xa kunethile ukanti neli lingase Junction, eNyanga, layekwa ngoba kwakusuka abantu kwela cala lase Manenberg bayomosha phaya. Ngoku sisebenzisa eli hlathi lingase Stock Road, eKhayelitsha ngase Look Out Hill nakwa Langa,” uchaze watsho uNdlovu.

Ubongoze urhulumente we-phondo ukuba angenelele abancede ngomhlaba.

Ugxa wakhe uZolile ‘Zizi’ Cagwe wongeze ngelithi bezingcibi bayasebenzisana kwaye bayaqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela.

“Asolusi nje sishiye. Siye siphinde sibuye sizovela ukuqinisekisa ukuba abakhwetha baphetheke kakuhle kwaye yonke into ihamba ngendlela. Ukuba andikho mna ingcibi ekhoyo iyakwazi ukuba ijonge onke amakhwenkwe akulo ndawo. Awujongi amakhwenkwe la ubuwolusile uye ujonge namanye,” ucacise watsho uZizi.

Uthe umsebenzi walwaluko uqhuba unyaka wonke, ntonje izinga lamakhwenkwe liyonyuka kule nyanga nase kupheleni konyaka.

“Ngenyanga yeSilimela kunye neyoMnga siye sixakeke kakhulu kuba amanani amakhwenkwe angenayo aphezulu ngoba kuvalwe izikolo. Ukanti apha kwezinye inyanga iba yimingqandandana nje yamakhwenkwe angenayo inkoliso yawo ngalawo aphuma ezintolongweni,”utshilo uZizi wongeza ngelithi inkoliso yamakhwenkwe amadala ingakumbi la aphuma ezintolongweni akakuthandi ukuloku ngeli xesha afuna ukoluka odwa.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.