Zifumana uncedo iintwazana

2019-04-04 06:00
Amalungu ombutho iPhilippi Development Agency afumene iipads.

Amalungu ombutho iPhilippi Development Agency afumene iipads.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Umbutho ozimeleyo nongekho ngaphantsi kuka rhulumente iArts of Living unikezele ngee pads ezihlanjwayo kubantwana aba ngamantombazana aba 13 bombutho iPhilippi Development Agency (PDA).

I-Arts of Living, nezinze kwindawo yase Observatory, inikezela ngeenkonzo ezahlukeneyo eziquka imfundo no phuhliso loluntu. Ukanti uthe weva ngeengxaki ezijongene nala mantombazana ngexesha uqhuba ulolongo ngokomzimba nengqondo ngethuba lee holide ezidlulileyo.

U-Ziyanda Yanta, ongumseki we PDA, uthe umntwana ngamnye ufumene isingxobo esine pads ezintandathu ezixabisa ama R340.

Uthe ezi pads zihlala isithuba se minyaka emihlanu, njengoko zihambeka.

U-Yanta uthe bayivuyela kakhulu inkxaso kuba abazali babanye babantwana abathathi ntweni.

“Zizakuba luncedo olukhulu kuba abazali babanye abantwana abasebenzi, lo nto ke ithethe ukuthi abazokuzikhathaza ngokuthenga ezitawuli iminyaka ide ibe mihlanu,” utshilo uYanta.

Wongeze ngelithi uninzi lwabantwana abancinci baye bazi bandakanye namadoda amadala kakhulu kubo kuba befuna imali yokuthenga izinto eziloluhlobo.

Uthe lo mbutho ubawongileyo uthe awugqibelisanga ukuza kubo bazakumane bebavelela bezokubajonga ukuba baqhuba kakuhle na.

U-Yanta wongeze ngelithi baqaphele ubunzima obufunyanwa ngaba bantwana xana besenza iYoga.

U-Nomvuyo Ntantala, nozamele la mantombazana uncedo, uthe ukwenze oku kokuphula-phula intlungu yaba bantwana.

“Kubalulekile kumntana ooyintombzana ukuba ngelaxesha enyangeni afumane inxaso nalapho azokwazi ukuhamba ngokuzithemba,” utshilo uNtantala.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.