Zifumana uqeqesho iinkokheli

2019-08-29 06:01
Ongusihlalo wequmrhu lezokhuseleko eNyanga uMartin Makasi uthetha neenkokheli ngexesha lomsitho. PHOTO: UNATHI OBOSE

Ongusihlalo wequmrhu lezokhuseleko eNyanga uMartin Makasi uthetha neenkokheli ngexesha lomsitho. PHOTO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ibiyimivuyo nemincili kwiinkokheli zaseNyanga ngethuba zifumana iziqinisekiso zoqeqesho kwisikolo samabanga aphantsi iLinge.

Ezi nkokheli zithe zanikwa ezi ziqinisekiso ngeCawe emva koqeqesho olufutshane elimalunga nokusombulula iingxaki ekuhlaleni.

Olu qeqesho beluququzelelwe ngumbutho ozimeleyo iSouthern African Development and Reconstruction Agency (SADRA) nozinze eSomerset West. Lo mbutho uthi uncedisane noluntu ngoqeqesho ukusombulula iingxaki abajamelene nazo kwindawo abahlala kuzo.

Ngama 44 abantu abathe bathabatha inxaxheba kolu qeqesho nolutsale iintsuku ezine, ukususela ngomhla wama-21 ukuya kumhla wama 24 kuCanzibe.

Abanye babantu abathe bayinxalenye yoluqeqesho ziinkokheli zeecawe, amalungu esigqeba sokhuseleko ekuhlaleni, iCPF ngolwimi lwasemzini, iinkokheli zequmrhu lophuhliso eNyanga (Nyanga Development Forum), abantu abaphuma kwicandelo lezemidlalo kunye neenkokheli zengingqi.

Oyinkokheli yokuhlala yase Maumau uSindiswa Godwana uluchaze olu qeqesho nje ngeliyinzuzo neliphuhlisa ukuhlala.

Uthe eyona nto bebegxile kuyo kukufunda ngendlela zokungenelela xa kukho ingxaki. “Zininzi izinto ethi zifune ukusonjululwa ngabantu bokuhlala zingakhange zide ziye emapoliseni. Ngoku sizokwazi ukungenelela nokusombulula nayo nayiphi na ingxubakaxaka ethe yavela ekuhlaleni ingakumbi ezikolweni,” utshilo.

Usihlalo weCPF eNyanga uMartin Makasi uthe bonke abantu abaphumeleleyo amagama abo azakuthunyelwa kwisikhululo samapolisa eNyanga, nalapho azogcinwa khona, ze kuthi xa kukho ingxaki kuthunyelwe bona.

“Aba bantu bazakusebenzisana namapolisa ukuzama ukuwothulela umthwalo. Ngoba ngamanye amaxesha siye sibone ukuba akhona amanye amatyala asiwa emapoliseni kodwa abe ebenokuhlalelwa ziinkokheli zokuhlala ziwasombulule,” utshilo uMakasi. Ubulele kakhulu kulo mbutho ngokuphucula intlalo eNyanga.

Uthe injongo yabo kukuqinisa ukhuseleko engingqini abahlala kuyo. “Ezinye ingxabano zikhokelela ekubeni kubekho uqhankqalazo ukanti ezinye zibambezela uphuhliso ekuhlaleni. Yiyo lento sifuna abantu abaqeqeshiweyo nabazokwazi ukusombulula ingxaki xa ngaba zikhona phakathi kwethu,” uthethe watsho uMakasi. Wongeza ngelithi eyona nto bayifunayo lumanyano nentsebenziswano.

Umlawuli weSANDRA uOscar Siwali uthe injongo yabo kukwakha ubumbano nomanyano ekuhlaleni. Uthe banonxibelelwano neengingqi ezininzi nalapho baye bancedise ngoqeqesho.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.