Zifundiswe ukuziphatha iintsana

2019-12-19 06:00
Umfundisi uPike ethetha nabantwana ngexehsa kubanjwe iphulo lokubaxhobisa nokubakhuthaza ukuba baziphathe kakuhle. UMFANEKSO: UNATHI OBOSE

Umfundisi uPike ethetha nabantwana ngexehsa kubanjwe iphulo lokubaxhobisa nokubakhuthaza ukuba baziphathe kakuhle. UMFANEKSO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Ukungabikho kwentloko kunye nabantu abayimizekelo kumakhaya amaninzi kuye kuphembelele abantwana ukuba baphulukane nezimilo baphele sele beyokuhlala ezitalatweni okanye basebenzise iziyobisi notywala bebancinci.

La ngamazwi ka mfundisi Victor Pike webandla iHigher Praise Christian Centre elizinze eTown Two ngexesha ebebambe iphulo lokuxhobisa kwanokufundisa abantwana ngendlela yokuziphatha kwakunye nobungozi beziyobisi kunye notywala.

Ibingabantwana abangaphezulu kwama 80 ukusuka kwiminyaka eli 10 ukuya kuma kuma 21. Le ndibano nebiqale ngomhla wesine nephele ngomhla we11 kule imiyo inyanga ibiquka amalungu amapolisa aseNyanga kunye namalungu esigqeba sogcina cwangco ekuhlaleni eNyanga (CPF) ibibanjwelwe kwiholo lakwaShawco eZwelitsha.

UPike nokwangumququzeleli walo msitho uthe eyona nto ingamandla abazama ukuyenza kukususa abantwana esitalatweni. Uchaze eli phulo nenjongo yalo ikukuguqula izimilo zabantwana. “Kuphando ebesithe salwenza phambi kokuba sense lomsitho sifumanise ukuba abantwana abaninzi abahoywanga ngabazali babo. Abalifumani uthando lomzali ngenxa yezizathu ezahlukeneyo abanye abazali bayasela, abanye basebenzisa iziyobisi abanye bahamba esithubeni abanalo ixesha lokuhlala nabantwana. Lonto ithi inike umntwana ithuba elininzi lokuba azule esithubeni ade agaxeleke kwizinto ezimbi,” uthethe watsho uPike. Uthe umnqweno wabo kukubona abantwana bekhulela kumakhaya afudumeleyo nanothando lwabazali bobabini. Uye wabongoza abazali xangaba kukho into abangayiqondiyo okanye abayikrokrelayo ngendlela abantwana babo abaziphethengayo mabaqhakamshelane nonontlalontle abakufuphi kunabo ukuzama ufumana uncedo olusemthethweni.

Ongunobhala we CPF eNyanga uDumisani Qwabe uthe injongo yabo kukuzalisekisa esasaci sithi ábantwna bagotywa besebatsha’. “Sizama ukubakhusela ukuba bangangeni okanye bangenzi izinto ezimbi ezizakuthi ekugqibeleni ziyobafaka ejele. Siyabakhuthaza ukuba xa ngaba kukho umntu obahlukumezayo okanye wenza izinto abangazithandiye mabaxelele amapolisa akufuphi nabo,”uthethe watsho uQwabe. Woleke ngelithi abazali mabohlukane nokuthuma abantwana ukuba bayokubathengela utywala okanye icuba ngoba kwabona abantwana baphela sele bezisebenzisa bona buqu. “Siye sikhuthaze abantwana ukuba bahloniphe abazali babo, bathande isikolo kwaye baye nasecaweni ukuze bahlale bekhuselekile,” ugqibezele ngelitshoyo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.