Zikhala ngokhuseleko izikolo

2020-02-20 06:03
Bebephume ngobuninzi babo abafundisi-ntsapho base Khayelitsha ngoqhankqalazo. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Bebephume ngobuninzi babo abafundisi-ntsapho base Khayelitsha ngoqhankqalazo. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Lusematheni ukhuseleko lwabafundi kunye noo titshala kwizikolo zaseKhayelitsha kulandela imigushuzo yeentsuku ezimbini kwiveki edlulileyo, nalapho amakhulu ootitshala athe aqhankqalaza ngaphandle kwamasango enkundla ka mantyi yaseKhayelitsha.

Oku kuthe kwakhokelela kuvalo lwazo zonke izikolo eKhayelitsha ngoLwesine kunye noLwesihlanu kwiveki ephelileyo.

Abaqhankqalazi bakhala isankxwe ngenxa yeemeko abasebenza phantsi kwazo, nezichazwe njengezinobungozi.

Olu qhankqalazo beluququzelelwe ngumbutho wezemfundo kule ngingqi iKhayelitsha Education Forum (KEF).

Izikhalazo zabo beziquka ukhuseleko lootitshala kunye nabafundi ezikolweni. Bagunyazise ukuba isikolo ngasinye sifumane iimatshini zokusetsha abantu abangena ezikolweni, oonogada unyaka wonke, ukuphuculwa kweengcingo zezikolo, uphando olukhawulezayo kwakunye nokubanjwa kwabatyholwa kwiziganeko ezehla ezikolweni.

Usihlalo we KEF uNomawethu Mosana uthe kudala befuna oonogada kwizikolo zale ngingqi kuba ootitshala baye babengamaxhoba ezaphulimthetho.

“Abafundisi-ntsapho nabafundi bagwintwa ezikolweni ngaphakathi nangaphandle mihla le, lo nto ithethe ukuba abakhuselekanga konke-konke,” utshilo.

Uthe abafundisi-ntsapho kude kube nzima nokwenza umsebenzi wabo kuba bexhelekile zizenzo zolwaphulo-mthetho.

U-Mosana uhambise wathi badikiwe ngoku, kwaye bahlaba ikhwelo kwisebe lezemfundo ephondweni kunye nabezokhuseleko ukuba benze into ngale meko.

Waleke ngelithi abazuyeka ukuqhankqalaza de bafumane izisombululo kwezi ngxaki zijamelene nootitshala nezikolo eKhayelitsha.

Umfundisi-ntsapho wesikolo samabanga aphantsi iVuzamanzi, eSite C, nexhoba lolwaphulo-mthetho uNosiphiwo Manong uthe oonqevu bangena benza unothanda ngethuba lesikolo, noxa kunjalo akhonto yenziwayo ngale meko. “Bafika otsotsi kulonyaka uphelileyo esikolweni bezenza ngathi bazokufunela abantwana isikolo, sathi sisamamele leyo sabona ngabo sebekhupha imipu, bathabatha iminxeba yethu kwakunye nemali ezipajini zethu,” utshilo.

Kusukelo ngalamhla uthe zange aphinde asebenze kakuhle, ehleli nje unovalo lokuba bangaphinda baphakwe.

Ephefumla ngale nyewe umphathiswa wezemfundo eNtshona Koloni u Debbie Schäfer uthe abaqhankqalazi bafuna oonogada abahlanu emini nasebusuku kuzo zonke izikolo. Usichaze esi sigunyaziso njenge sinzima. Ukwagxeke umbutho iKEF ngokuhambisa indaba zobuxoki mayela nokuba wayethembise ngoonogada ezikolweni kule ngingqi.

Noxa kunjalo uthe ukhuseleko ezikolweni luza phambili kurhulumente waseNtshona Koloni, kwaye beli sebe benza konke ekusemandleni ukuqinisekisa ukuba abafundi kunye nabafundisi-ntsapho bakhuselekile.

Uzigxibhile izigqibo zabaqhankqalazi zokuthintela abafundi ukuba bangayi ezikolweni. Uthe le ayondlela iyiyo yokulungisa izinto kuba abafundi bayasilela ezifundweni zabo.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.