Zimbi izinto eMandela

2019-04-18 06:01
Abanxusi base Mandela Park bathi iziza zabo zibiwe ngabantu abafike babeka amatyotyombe.UMFANEKISO: siyabonga kalipa

Abanxusi base Mandela Park bathi iziza zabo zibiwe ngabantu abafike babeka amatyotyombe.UMFANEKISO: siyabonga kalipa

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Basisifu ngumsindo abanxusi base Mandela Park, eKhayelitsha, yinto abathi kukuthathwa kweziza zabo ngondlela mnyama.

Aba bahlali batyhola ngelithi iqela labantu abaphuma kwiindawo ezingqonge indawo yabo bafike bagxumeka amatyotyombe kuzo zonke iziza eziphakathi kwezindlu kule ngingqi.

Bakhala ngelithi eli nyathelo ziinzame zokubohlutha intlaka emlonyeni, kwaye lizakuthi likhokelele kulibaziseko lolwakhiwo lwezindlu olumandla.

Aba banxusi bathi bebefanele ukuxhamla kwi phulo lokwakhiwa kwezindlu kule ngingqi ntoleyo imileyo ngenxa yobu buqhetseba.

U-Martha Magobodi onama 59 uthe kudala elindele ukufumana indlu ethi yena. Uthe oko wayenxuse kumntakwabo ngoku sele ejonge engcwabeni.

“Ndide ndaguga oko ndandilinde indlu ngoku kukho umntu ode waba isiza sam wabeka ihoki,” utshilo uMagobodi.

Wongeze ngelithi ukhe wazama ukufakana imilomo nomntu othathe isiza sakhe ukufumana isisombululo kodwa watsho phantsi kwaqhuma uthuli. “Akazange avume kwaphela ukusuka,” utshilo .

U-Magobodi woleke ngelithi ebenqwenela ukuba abe sele ehlala endlini yakhe nabantwana bakhe njengoko sele imnkile iminyaka yakhe.

Uthe bekufanele kuqalwe kulo nyaka ukwakhiwa kwezindlu zabo.

Omnye umnxusi, nowalileyo negama lakhe, uthe bekufanele ukuba uhlala endlini yakhe ngoku kuba babethenjiswe ukwakhelwa kweyoMqungu inyanga, kodwa lo nto akhange yenzeke ngenxa yalo mbhodamo.

Uthe oko wayelinde indlu ukususela ngomnyaka ka 2012, kwaye uyaziwa lisebe lohlaliso loluntu eNtshona Koloni ukuba ungomnye wabantu abazakuxhamla.

Naye uthi ukhe wazama uthethwa-thethwano nomntu othathe isiza sakhe kodwa uye walandula.

“Sifuna umphathiswa wezezindlu angenelele kuba siyoyika thina ukuthathela lo mba ezandleni zethu kuba singonzakala,” utshilo.

ICity Vision izamile ukuthetha nabantu abatyholwa ngokuba iziza, kodwa khange kubekho namnye ofuna ukuthetha.

Usihlalo wekomiti iMandela Park Project 2 uThobela Gubudela uthe ukuthathwa kweziziza kuqale ekubeni bebebhalisa abanxusi abafanele kukuxhamla kwiphulo lezindlu.

Uthe beyikomiti abakwazi ukuba khupha aba bantu kwezi ziza, abakwenzileyo kukucela isebe lokuhlaliswa koluntu e Ntshona Koloni ukuba lingenelele.

Othethela isebe uNathana Adriaanse uthe bayazi ngezityholo zabantu ababeke amatyotyombe ezizeni zabantu ngetshova.

Uthe batyumbe abantu abazakujongana nale meko ukuze zibuyele ebantwini bazo iziza, kwaye basathetha thethana naba bantu. Uqukumbele ngelithi ukuba kukho imfuneko baza kubhenela kwiinkundla zamatyala.

U-Adriaanse uqhube wathi bajonge ukuqalisa ngolwakhiwo lwezindlu kule ngingqi kwinyanga kaCanzibe.

Uthe zingama 89 izindlu ezizakuthi zakhiwe kule ndawo, kwaye ulwakhiwo luza kuthi luqhube ngokwezigaba ezahlukeneyo.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.