Zingce ngolwimi lwakho Mxhosa

2018-12-20 06:00

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Umdudo woononkala.

ISACI: Inkal’ixinge etyeni.

IQHALO: Akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Intloko ethambileyo:

Buyiswa Magqaza, Harare: Xa ubona izinto zonke nongafanelanga kuzibona.

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Xa sukube lomntu ethatha ngokukhawulezileyo...ephendula ngokukhawuleza...kwaneenkumbulo kuye kuthiwe unentloko ethambileyo.

Zuki Mdunyelwa, Harare: Uthatha msinyane yonke into uyifumana lula.

Vuyiseko Ndabeni, Site B: Kuxa umntu ekhawuleza ukuqonda okanye zikhawuleza ukumlungela izinto.

Mavisi Nkata, Khayelitsha: Ukuba krele-krele okanye ukukhawuleza uyibone into.

Zoleka Njoli, Site B: Umntu okhawuleza ukucinga.

. Intloko elukhuni

Buyiswa: Xa uva kade okanye uqonda kade.

Ntuthuzelo: Ngumntu othatha kade ngendalo...kwanokulibala kuye kuthiwe unentloko elukhuni.

Zuki: Yhoo kunzima ke kulowo kungangomso umxelela into enye.

Vuyiseko: Kuxa uqonde Kade okanye zoku lungela Kade izinto zifunayo.

Mavis: Ngumntu oqonda kade ovakade selecaciselwa.

Zoleka: Ngumntu ocinga kade.

. Oxhela eyakhe akabuzwa:

Buyiswa: Wenza lento ikholisa we na noba imbi noba intle.

Zuki: Lithetha umntu ozenzela into yakh myeke ngemibuzo.

Ntuthuzelo: Xa sukube lomntu esenza...okanye ezenzela lonto engenakunqandwa okanye kuphikiswa kuye kuthiwe oxhela eyakhe akabuzwa.

Vuyiseko: Umntu maka ngazi dubi ngemicimbi yabanye abantu.

Mavis: Musa ukumnqanda okanye ukumbuza umntu ozenzela into yakhe.

Zoleka: Kukwenza nantonina ngento zakho.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Intloko ethembileyo: Kutshiwo kumntu ongqondo ikhawulezayo; umntu onochopho.

Intloko elukhuni: Kutshiwo kumntu ongqondo ihamba kade. Ikwa ngumntu oneenkani.

Oxhela eyakhe akabuzwa: Umntu ofuyileyo angenza akuthandayo ngempahla yakhe, kungabi kho bani ubuza nto ngaloo nto. Ngamafutshane kukuthi umntu makayekwe enze akuthandayo ngezinto zakhe.

Amagama eveki edlulileyo:

Impukane:

Nontuthuzelo: Ukubhuza kweempukane...Xa zigxothwa entweni okanye enyameni ze ziphinde zibuyele...kuye kuthiwe ziyabhuza.

Buyiswa: Uyimpukane elubisini: Ubalapho ungafanelekanga.

Vuyiseko: Impukane ingene lubisini: Ukonakalisa into.

Zoleka: Impukane ingene etini: ukonakalisa into icwengile.Akukho mpukane ibambela enye: mntu ngamnye makazisebenzele.

Impuku:

Nontuthuzelo: Ilizwi lomzali alidliwa mpuku...Xa umzali ekubonisa indlela eyiyo...ekwakuyala enamava...ze wena mntwana ungalithatheli ngqalelo elolizwi...endleleni konakale ucinge ilizwi lomzali sekonakele...kuye kuthiwe...ilizwi lomzali alidliwa mpuku.

Buyiswa: Ukuhlinza impuku: ukuhleba nomnye umntu.

Vuyiseko: Impuku eseselweni: ukuba sengxakini.

Zoleka: Ungaphathi mpuku mbini enye iyakuphunyuka.sukuba nentliziyo ende yonela yinto onayo

Elokuqwela:

Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngala malungu omzimba alandelayo:

Impumlo?

Unyawo?

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 

Enter the examination number or search by province or school (NSC Students) to view results.

/News
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.