Zinikezwe izixhobo zobomi iintwazana

2019-03-28 06:01
Amantombazana aseKhayelitsha ebefundiswa indlela yokuziphatha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Amantombazana aseKhayelitsha ebefundiswa indlela yokuziphatha.UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Bafundiswe indlela ezingcono zokuziphatha abantwana abangamantombazana baseKhayelitsha ngethuba ithala lencwadi Isivivana lisingethe umsitho weeholide zokwindla ngoMvulo umhla wama 25 kule nyanga.

La mantombazana, naqala kwiminyaka elishumi elinesibini ukuya kwishumi elinesithandathu, axhotyiswe ukuze abe nekamva eliqaqambileyo.

U-Bulelwa Ndibongo, nongumphathi waseIsivivana, uthe lo msitho bawubamba rhoqo ngelokomeleza nokuxhobisa la mantombi.

“Siye sithi umntana oyintombazana makacingisise phambi kokuba enze izigqibo ngobomi bakhe, kuba lonto ithetha lukhulu kwikamva lakhe,” utshilo uNdibongo.

Uthe abantu abaninzi baye bafune ukuzibandakanya kubomi bomntwana oyintombazana, kwaye abanye sukuba benenjongo ezimbi.

Uthe kubalulekile ukuba izigqibo abazithathayo zibe zezo ziphilisayo ukwenzela ukuba ikamva labo libe lihle.

Omnye wabantwana uKamva Stali one (17) leminyaka uthe ufunde lukhulu kule ndibano. Uthe uzakukwazi ukuthabatha izigqibo ezizakumenzela ikamva eliqaqambileyo.

“Izigqibo endizithathayo namhlanje ndakuphila nazo ubomi bam bonke ngoko kubalulekile into yokuba siboniswe indlela emasiyihambe ngabantu abangomama,” utshilo uStali.

Uthe akagqibelisanga ukuzibandakanya nalo msitho, kuba umntu ufunda mihla le kwaye uyabakhuthaza nabanye abantwana bazibandakanye nalo msitho.

U-Zintle Nyali one (16) leminyaka, nongomnye wamantombazana athe aququzelela lomsitho, uthe baqaphele ukuba iintanga zabo ziye zizifake kwizinto ezingalunganga.

“Siye sahlala phantsi sajonga ukuba yintoni esinokuyenza singa mantombazana asakhulayo sagqiba ekubeni sibe nale ntlanganiso yokusiqinisa,” utshilo uNyali.

Uthe kubalulekile ukuba amantombazana aziphathe kakuhle ekukhuleni kwawo kuba lonto ibonakalisa ukuba bayakuba ngabantu abanjani xa sebekhulile.

Umququzeleli oyintloko walo msitho u-Olwethu Mduma uthe lo msitho ujolise kubantwana abangamantombazana.

Uthe le ntlanganiso bayenzela ukunika amantombazana ithuba lokuncokola ngezinto eziwehlelayo kwindawo ahlala kuzo nokuzihlonipha xa ungumntana oyintombazana.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.