Ziphantsi kokhuseleko iintsana

2019-06-20 06:00
Aba bantwana base Site C, eKhayelitsha, baphantsi kwenkqubo yecawa yamaWesile. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA.

Aba bantwana base Site C, eKhayelitsha, baphantsi kwenkqubo yecawa yamaWesile. UMFANEKISO: SIYABONGA KALIPA.

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Omama bebandla lamaWesile eSite C, eKhayelitsha, baqale inkqubo yokugcinwa kwabantwana ngexesha lee holide zesikolo ngoMvulo.

Le nkqubo iququzelelwa leli bandla libambisene neSebe lokhuselo loluntu eNtshona Koloni kunye nombutho wokhuseleko wase kuhlaleni, ineighbourhood watch ngesi Ngesi. Bangaphezulu kwekhulu abantwana, abaphakathi kweminyaka emihlanu ne 15, abathe bazibandakanya nale nkqubo.

U-Nokondlo Mpatha, nongomnye waba mama, uthe baye baqaphela ukuba abantwana ababi nanto yakwenza xa kuvalwe izikolo. Uthe le nkqubo iza kuqhuba kude kube ngomhla wesibhozo kweyeKhala.

“Xa abantwana bengekho esikolweni zininzi izinto ezingalunganga abathi bazibone bekuzo,” utshilo uMpatha.

Phakathi kokunye uthe bonwabisa abantwana ukuze bangabi nasithukuthezi, ze bafune ukubuyela ekudlaleni ezindleleni.

U-Mpatha uthe baqale ngabantwana abangaphezulu kwekhulu, nalapho baye bahlale nabo imini yonke.

“Le nkqubo sifuna ukuyenza rhoqo ngeeholide zesikolo njengokuba sisaqala,” utshilo.

Waleke ngelithi bafumana inkxaso enkulu kubahlali, kwaye bayiqhwabela izandla into abayenzayo.

U-Nomaza Ndleleni, nongomnye wootishala abafundisa abantwana, uthe babafundisa ngezibhalo ezingcwele ixesha elininzi. Uthe aba bantwana babonakalise umdla kakhulu kwizibhalo.

Uthe bakwabafundisa ukucula, ukudanisa kwakunye nokudlala imidlalo yase qongeni.

Uthe iSebe lokhuseleko leNtshona Koloni liqashe amalungu olutsha amabini enkonzo kwakunye nomnye osuka ekuhlaleni kwaye xa begqibe le nkqubo bazakuhlawulwa.

Ilungu labo bagcina ucwangco kule ngingqi uSixteen Ngcuka uthe baya yixhasa kakhulu le nkqubo kuba zininzi izinto ezingalunganga ezenzekayo ekuhlaleni.

“Ngokuba lapha aba bantwana bayasinda kubundlobongela obugqubayo ekuhlaleni nase kusebenziseni iziyobisi notywala,” utshilo uNgcuka.

Uthe kwaye bayavuya kuba inkonzo iye yabona ukuba nayo mayingenelele ekulweni ubundlobongela.

Waleke ngelithi nabazali babantwana bayayazi ukuba bakhuselekile ngexesha bona besemisebenzini.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.