Zivakalisa inkxalabo iinkokheli zokuhlala eSamora

2019-06-06 06:00

Zivakalise inkxalabo iinkokheli zeqoqo lokhuseleko lwasekuhlaleni, iCommunity Policing Forum ngabula makhumsha, eSamora Machel kulandela iziganeko zokunqolonywa kwabantu kutshanje.

Esi simbonono siza emva kokuba oonqalintloko bethe bavulela ngezulu lezandla kwiqela labantu ebelihleli kwiholo yoluntu iTsoga, ngakwisikhululo samapolisa aseSamora, ngoMvulo.

Kubikwa ukuba babini abantu abathe bawunabela uqaqa kwesi siganeko

Esi sihelegu sichazwe njengenxalenye yeziganeko ezikumila kunje ezithe zehla kule ngingqi kwisithuba seeveki ezimbalwa ezidlulileyo.

Kungoku nje iinkokheli zokuhlala zifuna amapolisa onyuse iikawusi, kwaye enze umsebenzi wawo ngendlela.

Isithethi seCPF uBongani Maqungwana uthe bengabahlali baphila ubomi bentshontsho. Usichaze esi sehlo njengesishiye abahlali bothukile.

“Aba bantu baphume nje kwiQuatum ebimise endleleni iOliver Tambo Drive bangena eyadini eTsoga basuka badubula bengakhange bathethe namntu,” utshilo Maqungwana.

Wongeze ngelithi akuqali ukwenzeka into enje kule ngingqi. “Kwiiveki ezintathu ezidlulileyo kwadutyulwa umqhubi we-taxi ezihlelele ngaphakathi esithuthuni sakhe kwindlela iLillian Ngoyi. Kohlika nje abantu kwi Avanza bamdubula. Kwiveki elandela leyo kwadutyulwa omnye uno-taxi xa wayesohlika emotweni yakhe eyovula isango ukulungiselela ufaka imoto,” uthethe watsho.

U-Maqungwana usola ukubambalwa kwamapolisa asebenza kwisitishi samapolisa eSamora nje ngonobangela.

“Nje ngokuba esi sitishi salapha eSamora sisitsha nje amapolisa ambalwa kwaye akakwazi ukubonakala kuyo yonke indawo kungangcono ukuba angongezwa,” ucacise watsho.

Isithethi samapolisa kwiphondo uFC Van Wyk usingqinile esi sehlo wathi kuvulwe amatyala amabini okubulala. “Ngokuhlwa kwangoMvulo kudutyulwe amadoda amabini aneminyaka enga-36 asweleka eOliver Tambo Drive eSamora Machel ngabantu abangaziwayo. Akukabikho mntu ubanjiweyo,”utshilo u-Van Wyk.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.