Zivavanye ngesiXhosa, Mxhosa!

2018-11-01 06:01

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli qhalo. Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Yalala inkomo isengwa.

ISACI: Inkomo yenqoma yintsengw’ ebheka.

IQHALO: Nocweth’ uzibon’ ubukhulu.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Umsila wengwe:

Nontuthuzelo Solani, Gugulethu: Yingxaki.

Mavis Nkata, Khayelitsha: UNgumntu okhutshwa likomkhulu okanye yinkosi ukuba aye kubiza umntu oza kuxoxa.

Buyiswa Magqaza, Harare: Incwadi ekubizela enkundleni xa unetyala.

Sindy Sipika, Elitha Park : Kubonwa ngawo xa kukho owonileyo ekuhlaleni. Xa kukho onetyala kuthunywa umntu aye kuwugxumeka enkundleni kuloo mzi unetyala, kodwa kufuneka uboniwe. Lowo unetyala uyawuncothula aye nawo komkhulu ngengomso; ukungayi kwakhe wobe wenza isidelo.

Zanele Jack, Delft: Lubizelo lwasenkundleni zamatyala.

Fundiswa Zenzile, Marikana, Philippi East: Xana umntu elumkiswa ngobungozi baloo nto sukuba eyenza. Kuthiwa urholelwe umsila wengwe. Kaloku umsila wengwe ungaphakama sukuba ibona ixhoba ezakuliqwenga, kuba sisilwanyana apha esikhohlake kakhulu.

Pearl Luphalule: Kuxa umntu enomsindo.

. Ukuphatha ingwe emsileni:

Nontuthuzelo: Kukuzibizela inkathazo.

Mavis: Ukucaphukisa umntu, umenze abe nomsindo.

Mfuneko Bonase, Marcus Garvey: Kukuziqalela into enobungozi ezakuxaka ekugqibeleni. Umzekelo uqalise umntu umbethe kanti uza kulimaza akoyise, utsale ingwe ngomsilo ngolohlobo.

Sindy: Kukuzibizela ukhwembe-khwembe, ukudlala ngomlilo.

Buyiswa: Ukuqhwaya inkathazo.

Zanele: Kukuziphathela ingxaki okanye ukuzifaka engxakini.

Yolanda Nodolo, Khayelitsha: UKukuzibizela ukhwembe-khwembe okanye ukudlala ngomlilo. I think so.

Fundiswa: Oko kuthetha ukuba uziqalele ingxaki ongasoze wakwazi ukuzikhupha kuyo.

Pearl: Kuxa unomsindo

. Iqaqa aliziva kunuka:

Xoliswa Notyeke, Crossroads: Umntu akaziboni into ayiyo.

Ntuthuzelo: Kuthethwa kwinto ebhekisele nokungazingci. Umzekelo umntu ongazingciyo okanye ongazihoyanga ngobuxelegu.

Siyolise Dyani, Mandela Park: Umntu akaziboni ezakhe iziphene.

Mavis: Umntu akaziboni isiphene anaso, ubona isiphene komnye umntu.

Mfuneko: Kubhekiswa kumntu oyosoloko egxeka enyemba abantu ngezinto abazenzayo abe yhena enezingaphezulu ezibolileyo. Amabibi.

Sindy: Umntu akaziboni into ayiyo.

Zanele: Lithetha ukuthi umntu akaziboni into ayiyo.

Yolanda: UKutshiwo kumntu ozibona ubuntu engento. Umntu ongaziboniyo iziphoso zakhe ohlala ebona ezabanye abantu, like umntu athi Yola awuthandi usebenza, phofu kwa yena akasebenzi.

Fundiswa: Le ntetho ithetha ibhekisa kumntu ogxeka isenzo somnye, phofu aba naye izenzo zakhe zifana nalowo sukuba emgxeka.

Pearl: Umntu akazibonie iimpazamo zakhe wasoloko ebona ezabanye abantu iimpazamo.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Umsila wengwe: Umsila wengwe yisamani ngokwesilungu. NgokwesiXhosa uthi umntu obulele ingwe awuthumele komkhulu umsila wayo apho ufike womiswe ube yintonga. Xa kukho onetyala kuthunywa umntu aye kuwugxumeka enkundleni kuloo mzi unetyala, kodwa kufuneka uboniwe. Lowo unetyala wowuncothula aye nawo komkhulu ngengomso; akungayi uyakube wenza isidelo.

Ukuphatha ingwe emsileni: ba nomlomo omde: Kukuzighwayela ukhwembe-khwembe, okanye ukudlala ngomlilo.

Sele uzicingela ukuba kungenzeka ntoni xa unokuchukumisa ingwe emsileni izihlelele.

Iqaqa aliziva kunuka: Kutshiwo kumntu ozibona ubunto engeni; umntu ongaziboniyo iziphoso zakhe, ohlala ebona imikhwa engathendekiyo kwabanye kanti unengaphezulu ukungathandeki kwayo.

Iqaqa sisilwanyana esinevumba elibi, into ethi isakuba nomsindo litsho nevumba lalo libalasele, phofu ke lona aliziva ukuba liyanuka kuba naku lizikhola kangaka.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

Reporting Accountant

Cape Town
Network Finance Professional / Prudential
R310 000.00 - R360 000.00 Per Year

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.