Ziyanda iinzingo zaseIsland

2019-04-25 06:00
Amatyotyombe i-Island eMakhaza.umFANEKISO: UNATHI OBOSE

Amatyotyombe i-Island eMakhaza.umFANEKISO: UNATHI OBOSE

Multimedia   ·   User Galleries   ·   News in Pictures Send us your pictures  ·  Send us your stories

Zivathe iqaqa iinkokheli zokuhlala kummandla wamatyotyombe i-Island, eMakhaza. Ezi nkokheli zityhola uceba we wadi uDanile Khatshwa ngelithi uyinikele umva ingingqi yazo. Zikwatyhole amapolisa ngokushiya uluntu kwiimfefe zezikrelemnqa.

Ngokwengxelo yezi nkokheli oka Khatshwa waye wabanyelisa ngethuba becanda iziza zabo kule ngingqi kunyaka ophelileyo. Zithi kususela ngoko wachasela waxela ithamsanqa.

Noxa kunjalo uKhatshwa uzikhabe ngawo omane ezi zityholo.

Ezi nkokheli zityhola oka Khatshwa ngelithi wafika wabayalela ukuba mabangokhi kuba lo mhlaba yindawo esoloko ihlala ifumile, kwaye ikwayindawo yokugcina izilwanyana, ntoleyo ingabangela bazale abantwana abakhubazekileyo.

Omnye weenkokheli zale ngingqi uNonceba Ndlebe uthe ususela ngoko zange aphinde alibeke uKhatshwa kulangingqi.

“Wafika apha sisakha iihoki zethu wasixelela ukuba masingokhi ngoba lendawo ihlala imanzi kwaye yindawo yemfuyo. Xa simxelela ukuba sizakokha ngoba sifuna iindawo zokuhlala wathi yena, ‘hlalani nizakuzala abantwana abazizidalwa’. Uthetha ukuthini xa esitsho, ayisosithuko eso?,” ubuze watsho uNdlebe. Wongeze ngelithi nangoku bengabahlali bazimele ngenkqayi elangeni kuba akabonakali nangotshengele okaKhatshwa.

Ezityanda igila ngale nyewe uKhatshwa utyhole abahlali ngokuyibaxa le yantlukwano, watsho esithi bayitolika ngendlela engeyiyo intetho yakhe.

“Eneneni kona ndandiyile kubo ngelaxesha babesabethelela bezama ukwakha. Ndabaxelela ukuba abanokwazi ukwakha phaya ngoba la ndawo isoloko inamanzi, kwaye lonto ingachaphazela iimpilo zabo ingakumbi abantwana bangosuleleka nazizifo,” ucacise watsho uKhatshwa.

Ukanti ukwazikhabile nezityholo zokuba akazange walubeka unyawo kula ngingqi. Uthe kuLwesithathu weveki ephelileyo ebenikezela nge zilamba kwiqela elijongene nokhuseleko kula ngingqi.

“Bendibanika izilamba ezazishiyeke ngokuya kwakusaziswa ngokusemthethweni neighbourhood watch kunyaka ophelileyo kuba bengenokusebenza bengenazinto zakunxiba,” utshilo.

U-Khatshwa ukwathembise ngokuzama ezinye izixhobo zokusebenza nangokuququzelela intlanganiso nabahlali kwiveki ezayo ukuze anikezele ingxelo malunga nophuhliso lwase Island.

U-Ndlela ukwabalule ukunqongophala kwamanzi nokungabikho kwezindlu zangasese kunye nombane njengeyona miceli-mngeni bajongene nayo.

“Sineempompo zamanzi ezimbini kuphela, enye yazo sayicela kwifama ekufutshane, yaza enye sayitsala kumatyotyombe aseMsindweni. Nazo ziphuma kancinci, side sifole xa silinde amanzi,” ucacise watsho.

U-Ndlela ubalule izinga eliphezulu lobugebenga nathe bubangelwa kukungabikho kwezibane.

“Sizinkokheli siye sathatha isigqibo sokuba sichithe zonke iihoki ezingahlali bantu kwakunye nezo zithengisa iziyobisi ukuzama ukulwa ubundlobongela,” utshilo uNdlebe. Uthe ngokuya kusanda iihoki nobundlobongela buya busanda.

“Ngoku iihoki ezikhoyo apha zingaphezulu kwama 300. Kwaye sinexhala lezikhukhula njengokuba kusondele iimvula zasebusika nje,” utshilo Ndlebe.

Ukwagxeke amapolisa ngoku ngayisiso le ndawo. Utyhole ngelithi abonakala xa eyokuvala okanye eyokuthatha utywala ezimokolweni.

Isithethi samapolisa kwisikhululo samapolisa aseHarare uKapteni Siyabulela Vukubi uzichaze njengobuvuvu izityholo zabahlali.

“Ingathi kwa abahlali aba bathetha beziphikisa xa bethi asibonakali kodwa bathi kwabona basibona xa siyovala izikroxo ezingekho mthethweni. Ukuvala izikroxo ikwangumsebenzi wethu into ethetha ukuthi siyajikeleza kuzo zonke iindawo ekufanele sihambe kuzo,” ucacise watsho uVukubi.

NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.