Isibhengezo sentlekele njengoko esoma amadama

2017-08-17 06:06

OMNYE wemiceli-mngeni emikhulu ojongene neBhunga kwanabahlali kukutsala kwexesha lembalela nokungakhokelela ekushokoxekeni kwamanzi.

Imiqathango yokunkinkishwa kwamanzi nentlawulo yesohlwayo kwaqalwa ngazo ngoDecember ka-2016, kwakunye nomzamo wokwehlisa ukusetyenziswa kwamanzi nge-15%.

Nge-31 May 2017 iBhunga liye lathabatha isigqibo sokubhengeza iKouga njengendawo yentlekele ngenxa yembalela eqhubayo. Esi sibhengezo sizakuvumela umasipala ukuba afake izicelo zenkxaso-mali kurhulumente wephondo nokazwelonke ukuze umasipala akwazi ukuqhuba ngesicwangciso sikaxakeka sokuqubisana nembalela.

Esi sicwangciso sigxile ekongeni amanzi nasekufumaneni eminye imithombo yamanzi, kubandakanya amanzi aphantsi komhlaba, ukusetyenziswa kutsha kwamanzi elindle nokucocwa kwamanzi amtyuwa.

Kuzakunyuswa nentlawulo esisohlwayo kwakunye nomlinganiselo womzamo wokwehlisa ukusetyenziswa kwamanzi ukuya ku-25%, konke oku kuzakwenziwa ngo-August 2017.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.