Uhlahlo-lwabiwo-mali lweziseko

2018-06-28 06:00

UHLAHLO-lwabiwo-mali lwango-2018/2019 lufikelela kwi-R67 yezigidi, nengaphantsi nge-R1,689 yesigidi okanye u-2,43% kunohlengahlengiso lohlahlo-lwabiwo-mali.

Oku kuzakuxhaswa ngezibonelelo ezisuka kurhulumente kwanemali ekhoyo ngaphakathi.

“Ndiyafuna ukugxininisa ukuba, okokuqala kwiminyaka emininzi, lo masipala usebenzisa eyakhe imali kwaye edibanisa nemali yesibonelelo ukunyusa ingxowa yeziseko ukuze siqiniseke ukuba siqhuba uhlahlo-lwabiwo-mali olayame kwabo bahluphekayo.

IDAMA LELINDLE LASE-SEA VISTA

Elona phulo likhulu kolu hlahlo-lwabiwo-mali lweziseko luya kumsebenzi weminyaka wokuphucula idama lelindle laseSea Vista, apho umasipala azakusebenzisa i-R18,5 yezigidi ngonyaka ka-2018/19.

Lo msebenzi uzakuncedisa nokuza neziseko ezingundoqo ezidingwayo ukuvulela ukwakhiwa kwezindlu ezintsha zeRDP kule ngingqi.

IZINDLU ZANGASESE ZAMABHAKETHI

Ibhunga laseKouga liye lazimisa ukuba lizakubeka phambili ukupheliswa kwamabhakethi kule minyaka mithathu izayo.

USodolphu uHoratio Hendricks uthe oku kuphezulu eluhlwini kwIsicwangciso Sophuhliso Olunxulumeneyo (IDP) lukamasipala, kukwalikhathaza kakhulu iBhunga.

“Ngaphezu kwama-4000 ezindlu zisaxhomekeke kwizindlu zangasese zamabhakethi. Oku akwamekelekanga, kwaye sizakuthi siqalise inkqubo yeminyaka yokuphelisa le nkqubo yamabhakethi ngo-2018/19. Kubekwe i-R2,3 yezigidi ukumilisela le nkqubo kunyaka wokuqala.

“Eli dabi lizakuqhuba nakweminye iminyaka engaphaya kolu hlahlo-lwabiwo-mali kwaye luzakuhlala phezulu kuluhlu lwalo masipala de kususwe elokugqibela ibhakethi, litshiswe, lingaphindi lisetyenziswe kwakho.

UKUPHUCULWA KWEMPILO EMATYOTYOMBENI

Ukufakelwa kombane ngokungekho mthethweni ngomnye wemiceli-mngeni emininzi kwiindawo zethu zasematyotyombeni ezindinga ukulandelwa msinya.

IBhunga laseKouga linenjongo yokuncothula nengcambu, ngokwezigaba, lengozi yombane ofakelwa ngokungekhomthethweni, kule minyaka mithathu ilandelayo.

Ukufakelwa kombane ngokungekho mthethweni kuzisa ingozi enkulu kwiintsapho, ingakumbi kubantwana abangenakuzinceda,” utshilo uSodolophu waseKouga uHoratio Hendricks.

“Yiloo nto sizakusebenzisa isigidi seerandi kwimali yethu ukufakela umbane kwiindawo ekuvame khona ukufakelwa kombane ngokungekho mthethweni, phezu kwe-R8,8 yezigidi esizifumene kwisibonelelo i-INEP sokufakelwa kombane kumaphulo angoku nasezayo ezindlu.”

“Kukwabekwe ama-R500 000 ecaleni okufakela iimpompo zamanzi kwakunye nokulungiswa kweendlela ematyotyombeni. Sele sithenge ama-700 emigqomo enamavili ukuzama ukuphucula ukususwa kwenkunkuma kwezi ngingqi.”

ISIQINISEKISO SAMANZI

Umasipala waseKouga uzakuchitha imali engange-R1,5 yesigidi ekombeni imingxuma yamanzi kunyaka-mali omtsha.

USodolophu uHoratio Hendricks uthe ukufikelela ekunikeni bonke abahlali isiqinisekiso samanzi yinto ewuhluphayo umasipala ngenxa yembalela etsala ixesha elide.

“Sele senze amanyathelo amakhulu kulo nyanka udluleyo ekombeni imingxuma yamanzi elishumi, nasekuhambiseni amatanki amanzi emvula angama-70 kwiindawo ezigqaliweyo eGamtoos Valley.

“Nanjengoko umthamo wamanzi usezantsi kakhlu, sithanda ukubacela abahlali ukuba bagcine ukusebenzisa kwabo amanzi kumthamo wama-50 eelitha umntu ngamnye,” utshilo.

EZINYE KWEZEZISEKO

  • Ukuphuhliswa kweendawo zamangcwaba ezimbini eLoerie naseThornhill.
  • Ukuze silwe nokumoshwa nokonakaliswa, zizigidi ezintathu ezibekelwe ecaleni ukuze kubiyelwe impompo yelindle eLoerie, oovimba bamanzi eJeffreys Bay naseKruisfontein, amangcwaba, iipaka zeekharaveni kwakunye neendawo zeenkampu.
  • I-R4,3 yezigidi ibekelwe ukuphuculwa nokubiyelwa kwebala lezemidlalo, kugxilwe kuWadi 1 no 2.
  • I-6,5 yezigidi izakusetyenziselwa ukutshintsha iinqwelo ezingasasebenziyo.
NEXT ON NEWS24X

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic

Jobs in Cape Town [change area]

Jobs in Western Cape region

HSE Manager

Cape Town
Tumaini Consulting
R550 000.00 - R650 000.00 Per Year

SQL Reporter

Cape Town
Communicate Cape Town IT
R10 000.00 - R12 000.00 Per Month

Cluster Financial Manager

Cape Town
Network Finance
R950 000.00 - R1 000 000.00 Per Year

Property [change area]

There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.