Uhlahlo-lwabiwo-mali olutsha luphunyeziwe

2018-06-28 06:02

IBHUNGA laseKouga liye laphumeza uhlahlo-lwabiwo-mali lwemisebenzi yemihla ngemihla nolweziseko, lonyaka-mali ozayo kwintlanganiso yange 31 May.

USodolophu uHoratio Hendricks uthe injongo yeBhunga ibikukuthi thaca uhlahlo-lwabiwo-mali olwayame kwabo bahluphekayo kwaye kuninzi esele kwenziwe ukuzama ukufeza oku.

Unyakamali omtsha kamasipala uqala nge-1 July.

Ngokolu hlahlo-lwabiwo-mali, abasebenzisi-zinkonzo bangalindela ukuba bahlawule i-7,5% ngaphezulu kwirhafu yomhlaba ukususela ngoJuly.

Amaxabiso amanzi azakunyuka ngo-11%, ugutyulo lwelindle luzakunyuka ngo-9%, ukuqokelelwa kwenkunkuma kuzakunyuka nge-8%, umbane kangange 7,57%, ize Imali Yezoko Kusingqongileyo (EMF) inyuke nge-6%.

  • Inkcitho yemihla-ngemihla ngo-2018/2019 izakuba yi-R796,785 yezigidi, nenyuke ngomnyinge we-5,48% xa kuthelekiswa nohlengahlengiso lohlahlo-lwabiwo-mali luka-2017/18.
  • Ingeniso yemihla-ngemihla xa iphelele ka-2018/2019 nebonakalisa ukunyuka ngomnyinge we-9,39% okanye i-R64,69 yezigidi xa kuthelekiswa nohlengahlengiso lohlahlo-lwabiwo-mali.
  • Imali yokuxhasa olu hlahlo-lwabiwo-mali lwezemihla ngemihla luzakuvela kwimithombo eyahlukeneyo, eyona inegalelo iyakuba yefana nombane, amanzi, ugutyulo-lindle, i-EMF kwakunye nokuthuthwa kwenkunkuma (53,08%), irhafu yomhlaba (23,45%) kwakunye nezibonelelo eziphuma kurhulumente kazwelonke nowephondo (16,4%)
  • Ukulungiswa nokugcinwa kwesimo ngo-2018/19 kuhlahlelwe i-R37 yezigidi, okulingana ne-4,65% wohlahlo-lwabiwo-mali olupheleleyo lwezangaphakathi. Nakubeni le pesenti ingaphantsi kwaleyo ifunwa libhunga engu-8%, le mali izakuya apho idingwa khona kakhulu, ubuncinane yi-71% yesi sabelo iyakuthi isetyenziswe kwizinto eziziziseko.

USodophu waseKouga uHoratio Hendricks uye wafunga ukuba uzakuyiphungula inkcitho engesosidingo ukuze kongezeke imali yokuhambisa iinkonzo.

Esothula intetho yakhe yokuqala yohlahlo-lwabiwo-mali, uHendricks uthe yena noSomlomo abazukufumana zimoto zintsha okanye abaqhubi.

“USodolophu uzakuziqhubela imoto yakhe, uSomlomo naye uzakuqhuba imoto yakhe kwaye akuzubakho bonogada bamntu,” utshilo.

“Ndiye ndaliphungula nenani lamalungu eKomiti kaSodophu ukususela kwisithandathu ukuya kwisihlanu ukuze songe imali kwaye sibenekomiti enentsebenzo.”

Kuzakwenziwa yonke imizamo ukuze kufumaneke imali eyongezekileyo ukuphucula iziseko nokwandisa iinkonzo kubo bonke abahlali.

Oku kuthethwe nguSodolophu uHoratio Hendricks xa ebesithi thaca uhlahlo-lwabiwo-mali luka-2018/2019.

USodolophu uthe umhlaba ongasetyenziswa ngendlela nongasetyenziswayo ubusele ugqaliwe kwaye izicwangciso zokuwuthengisa sele zenziwe ukuze kufumaneke imali yolunye uphuhliso.

IKomkiti Yokonyusa Ingeniso iye yamiselwa kwaye izakudibana veki neveki ukugqala iphinde imilisele iindlela zokonyusa ingxowa kamasipala ngaphandle kokubeka uxinzelelo olungesosidingo kubahlali nakubarhafi.

Join the conversation!

24.com encourages commentary submitted via MyNews24. Contributions of 200 words or more will be considered for publication.

We reserve editorial discretion to decide what will be published.
Read our comments policy for guidelines on contributions.
NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
 

How your dog can tell what you’re feeling

Researchers have found a specific area in a dog’s brain that recognises human faces – a finding that may help to explain why dogs are so sensitive to human social cues.

 

Paws

Share your 67 minutes with animals in need this Mandela Day
Kevin Anderson’s dog is winning at Instagram!
Kim Kardashian-West buys fake testicles to boost her dog’s self-esteem
10 tips on exercising your dog
Traffic Alerts
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.

Settings

Location Settings

News24 allows you to edit the display of certain components based on a location. If you wish to personalise the page based on your preferences, please select a location for each component and click "Submit" in order for the changes to take affect.




Facebook Sign-In

Hi News addict,

Join the News24 Community to be involved in breaking the news.

Log in with Facebook to comment and personalise news, weather and listings.