Ukucocwa kweKouga

2017-08-17 06:05

UCOCEKO ekuhlaleni yenye yezinto ezihleli zingumceli-mngeni, ukulahlwa kwenkunkuma naphina (ingumthwalo okanye incinane) kuthande ukuxhaphaka kule minyaka idluleyo. Iinzame ezahlukilyo zenziwe kulo nyaka uphelileyo ukuqubisana noku.

Ukuqinisa amandla amaqela ethu acocayo, izixhobo ezintsha zokusika ingca nezigadla zenkunkuma ezine ziye zathengwa. Izkipu zokulahla inkunkuma ezingama-20 nazo zithengiwe.

Ungenelelo lokucoca elikhokelwa nguSodolophu liye lamiselwa ngo2017. Olu ngenelelo libone amakhulu abantu abafuna umsebenzi abazibhalise kwi database kamasipala, beqeshwa isingxungxo ukuze bacoce iitiphu ezingekho mthethweni, bekwacoca nasekuhlaleni.

Olu ngenelelo ukuza kuthi ga ngoku lusetyenziswe kwiindawo eziqatseleyo eJeffyreys Bay, Oyster Bay naseSea Vista. Olu ngenelelo luzakunwenwela kuzo zonke iidolophu.

Le nkqubo yinxalenye yokwakha iphulo lolawulo lokungcola ngokuzinzileyo, nelakuthi limiselwe ngo-2017/18, nelizakubandakanya oosomashishini basekuhlaleni.

Ukufundiswa koluntu yinxalenye yeenzame zethu zokugcina iKouga icocekile.

NEXT ON NEWS24X

Inside News24

 
/News
Traffic Alerts
Traffic
There are new stories on the homepage. Click here to see them.
 
English
Afrikaans
isiZulu

Hello 

Create Profile

Creating your profile will enable you to submit photos and stories to get published on News24.


Please provide a username for your profile page:

This username must be unique, cannot be edited and will be used in the URL to your profile page across the entire 24.com network.