
Bashiyeke benxunguphele abahlali bamatyotyombe aseJoe Slovo, kwaLanga, emva kokubulawa komnini wevenkile iLundi Spaza Shop ngoMvulo umhla we 18 kweyeThupha.
Esi sehlo senzeke emva kokuba abafana abangaziwayo, abebexhobe befe amacala, bekhuthuza iloli ibizokothula isonka kule venkile.
Umhlali, nongafunanga ukuzixela igama lakhe ngenxa yokoyika ukuxhatshazwa, uthe esi sehlo senzeke ngentseni yangoMvulo nalapho bengabahlali beshiyeke besothukile.
“Esi sehlo senzeke pha ngentsimbi yesithandathu ekuseni, elo xesha bendisangqengqile. Ndive ngezithonga eziliqela zisitsho phandle. Ndiye ndathandabuza ukuphuma phandle ndiyokukroba kuba ndisoyika. Ndithe ndakuva abantu bethetha nam ndaphuma,” uthethe watsho.
Uhambise wathi ekuphumeni kwakhe wabona iloli ethutha isonka imile abantu bethe xhonkxosholo.
Waleke ngelithi uthe xa eyokroba evenkileni wabona umnini venkile edunduluze phantsi.
“Andiqinisekanga nokuba bayithathile na imali ngoba ndiphume endlini sele bengekho abaphangi. Kodwa ukubona umntu, ingakumbi obeluncedo ekuhlaleni, esweleke ngolwahlobo akumandanga. Singabahlali sibuhlungu kwaye siyacela ukuba ukhona umntu onolwazi ngokubulawa komnini wevenkile anxibelelane namapolisa,” ubongoze watsho.
Ngaxeshanye uchaze ubundlobongela nanje ngenye yeengxaki abajongene nazo kule ngingqi.
Uye wabongoza amapolisa ukuba asoloko ejikeleza kule ngingqi ukuzama ukulwa ubundlobongela.
“Ukukhuthuzwa kwabantu iminxeba yabo nezipaji kunye noqhekezo lwezindlu yinto eqhelekileyo kule ngingqi. Kodwa ke ngoncedo lwabantu abaqhubeka behamba-hamba ngobusuku ukuzama ukuncedisana namapolisa ukulwa ubundlobongela kungcono akusafani nakuqala,” utshilo.
Isithethi se Langa Community Policing Forum uTsepang Gumede usingqinile esi sehlo kodwa wala ukuphefumla ngalo mba kwi City Vision.
“Okwangoku asinokwazi ukuphefumla ngalo mba sisalinde iinkcukacha ezithe vetshe emapoliseni. Kodwa ke sizama kangangoko ukuzu-lazula kuye wonke uLanga sisebenzisana namalungu e-patrollers kunye ne neighbourhood watch ukuzama ukugcina ucwangco,” utshilo uGumede.
Isithethi samapolisa akwaLanga uKapt Nonduniso Paul usingqinile esi sehlo, watsho esithi bafumene ingxelo kubahlali ethi kuyaxhonyiswa evenkileni eJoe Slovo kude kufuphi nase Zone 23. Uqhube wathi, ngokweengxelo, amadoda amathathu ebexhobile axhomise abasebenzi be loli ebisothula isonka bafuna imali.
“Emva koko baqhubeka bangena kwiSpaza shop eso nalapho bafike badubula umnini venkile nothe walimala waze wabalekiselwa esibhedlele nalapho aye wasweleka khona,” utshile uPaul.