Amadoda akwaLanga atyale imithi

Iqela lamadoda ngethuba kutyalwa imithi kwa Langa.uMFANEKISO: mzwanele mkalipi
Iqela lamadoda ngethuba kutyalwa imithi kwa Langa.uMFANEKISO: mzwanele mkalipi

Kwiinzame zawo zokuqaphela usuku lokubhiyozela umhla wenkcubeko kunye namagugu, ngoLwesine umhla wama 24 kweyo Msintsi, amadoda akwaLanga aphume iphulo atyala imithi kwihlathi lale ngingqi elisetyenziswa njengendawo yolwaluko.

I-Embo, nekhokheleyo kwimicimbi yolwaluko kule ngingqi, ithe yatyala imithi engama 30, isongeza kwengama 20 ebithe yatywala ngethuba kubhiyozelwa usuku lwama nina ngeCawa umhla wesithoba kweyeThupha.

Le mithi ithe yanikezelwa lisebe lezolondolozo lwezendalo namahlathi njengophawu lokubhiyozela iveki yokutyalwa kwemithi, i-Arbor Week ngolwimi lwasemzini.

Ukanti ithe yongeza kwi 150 lemithi ethe yatyalwa kunyaka ophelileyo.

Ngelinyathelo iEmbo ithi ifuna ukugcina le ndawo inesidima, ingcwele, kwaye ikwakhuselekile ukuze umsebenzi wolwaluko uqhutywe ngaphandle kwamagingxigingxi.

Umlawuli wesebe ephondweni uMasithandaze Falthenjwa uthe uyaqala ukundwendwela kweli hlathi, wongeza ngelithi usemninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe kule ndawo.

“Njengoko sisazi yiHeritage Day namhlanje, ehamba ncakasana nemithi yethu. Ukufumana kwethu esi simemo sithi masincedise apha kule ndawo yakwaLanga, sithi sizise imithi, siye sayithakazelela lonto kuba le nyanga njengathi sileli sebe yinyanga yethu yokutyala imithi,” utshilo okaFalthenjwa.

Uthe bagxininisa kakhulu kule nyanga yoMsintsi ukutyala imithi. Uqhube wathi njengoko le ndawo kusaluswa kuyo imithi kufuneka ibekhona nantoni na esetyenziswayo ukwalusa amakhwenkwe.

“Ndiyaqala uzofika apha, kwaye ndiyabona umsebenzi mkhulu osafuna ukwenziwa ngoba lee ikhoyo imithi kweli hlathi yile imosha kakhulu indalo namanzi le kuthwa zi-alien plants.

“Kuzakufune sigxininise ekutyaleni imithi esithi zi-indigenous trees ukuze kwiminyaka elishumi namashumi amabini umntu xa engena apha angazubona ezi alien plants njengoko zingalunganga endalweni,” utyatyadule watsho uFalthenjwa.

Uqhube wathi beze nemithi ekhula ngokukhawuleza, kodwa loo womnquma ngowona uzakuthatha ixesha ukukhula, watsho ekubethelela ukubaluleka kwawo.

U-Thembelani Sakathi, onguceba omele umbutho we-ANC kulengingqi, uthe ubulela kwi-Embo ngokuthi iyithathele ingqalelo into yeli hlathi.

“Le mini yimini ebalulekileyo kakhulu ngoba yimini yokugcina amasiko nemvelaphi yethu.

“Enye into esayiphumelela kwakudala kukuqinisekisa ukuba lendawo ilihlathi apha ayichongelwa luphuhliso. Kungoku ikhuselwe nangumthetho ukuze igcinelwe lo msebenzi uqhubekayo apha,” utshilo, ekwahlaba ikhwelo eluntwini jikelele ukuba luyikhusele le ndawo.

U-Madoda Mabutho, usihlalo we-Embo, uthe eli hlathi lanikwa igunya liziko lezenkcubeko, iHeritage Foundation, ukuze lihlale njenge ndawo yezenkcubeko.

“Kubalulekile ukuba eli hlathi sililondoloze. Sifuna isizukulwana esikhoyo sibenebhongo kwaye silikhathelele eli hlathi. Sinayo imiceli mngeni embalwa ekhoyo apha ehlathini. Okokuqala sinengxaki nabahlali abenza izinto ezingafanelekanga ezifana nokuchitha amayeza; abantu abakha inkuni kunye neemoto ezisondela ngakwisango elingena apha singazi zifuna ntoni na,” utshilo uMabutho.

U-Mabutho uhlabe ikhwelo ecela intsebenziswano kubahlali bakwaLanga nabantu abagqithayo ngelithi elihlathi asiyondawo yokulahla uvobe.

“Sicela bangasondeli kweli hlathi kwaye ukuba umntu ngumntu omnyama uyasazi isintu, uyayazi indawo yolwaluko yindawo ebalulekileyo, yindawo exabisekileyo nehoyekileyo, yindawo enesidima eyenza amakhwenkwe abengamadoda nenguqula isimo somntwana oyinkwenkwe,” utyatyadule watsho uMabutho.

U-Mabutho ukwabongoze amaqela ezokhonketho ukuba ahloniphe isiko lolwaluko, ngokuthi ohlukanye nokufota okuqhubeka kule ndawo.

Ngaxeshanye ucele abazali ukuba babe nomonde balinde urhulumente ukuba avumele ulwaluko, watsho ethembisa ukuba bazakubiza intlanganiso nalapho bazakuthi bachaze khona indlela ebheka phambili.

Umhlali u-Mandla Mlambo uyewabulela wonke umntu othe wathabatha inxaxheba kweli phulo. Uthe injongo yabo kukhusela isiko lolwaluko kule ngingqi yakwaLanga.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
Who do you think is going to win the 2020 US election?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Biden is going to take it
46% - 5412 votes
It's four more years for Trump
54% - 6430 votes
Vote
ZAR/USD
16.46
(+0.21)
ZAR/GBP
21.33
(+0.24)
ZAR/EUR
19.48
(-0.22)
ZAR/AUD
11.61
(+0.34)
ZAR/JPY
0.16
(+0.28)
Gold
1907.17
(+0.24)
Silver
24.62
(+5.30)
Platinum
872.00
(+2.22)
Brent Crude
42.85
(-0.67)
Palladium
2405.00
(+3.19)
All Share
55271.75
(+0.20)
Top 40
50851.62
(+0.22)
Financial 15
9956.35
(-0.22)
Industrial 25
75567.07
(+1.08)
Resource 10
53788.16
(-0.63)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo