
Bebexhelelwe exhukwana abahlali bamatyotyombe iGraveyard Pond, ePhilippi, ingulowo ezenzela ngethuba bephiwa iimpahla ngumbutho ozimeleyo, iSakha Umfazi Onesidima, ngoLwesine umhla wesine kweyoMdumba.
Amalungu alo mbutho andwendwele le ngingqi emva kokuba ithe yatshatyalaliswa sisihelegu somlilo kwinyanga ephelileyo, nalapho kwatsha amatyotyombe angaphaya kwama 80, kwasala abantu abangaphaya kwama 200 bengoodingindawo (“Sisankxwe ematyotyombeni,” City Vision 28 January).
Omnye wabahlali kule ngingqi, nowayelixhoba lomlilo, uNandipha Japhta (onama 47) uthe impilo isemaxongo kubo nanjengoko besadinga indawo yokuhlala.
“Oko kwakutshile asizange sizifumane izixhobo zokwakha. Singabanye sihlala kwizihlobo, abanye bahlala kumalungu osapho ngoba asinamali,” utshilo.
Uqhube wathi okwalomzuzu usafihle intloko kumhlobokazi wakhe kumatyotyombe aseSiyahlala. Uthe le mpahla bayiphiweyo izakuwenza umahluko nanjengoko ebesaxakiwe ukuba uzakuyithenga ngantoni.
“Siyabulela kakhulu ngale mpahla. Singabanye asiphangeli kwaye asinamandla okuzithengela iimpahla nanjengokuba impahla endinayo ngoku ndiyiphiwe ngabantu ngoba yonke eyam yatsha yaphela ngaphakathi etyotyombeni lam,” uthethe watsho uJaphta.
Uthe kuye kwanyanzeleka ukuba abantwana bakhe ababini (oneminyaka emine noneminyaka elithoba) abase eMpuma Koloni ngenxa yesimo aphila phantsi kwaso.
Ongumququzeleli walo mbutho uSizolakha Filtani uthe bayibona kumaphephandaba intlungu yaba bantu, baze bathabatha isigqibo sokuba baqokelele impahla abangazisebenzisiyo banikele ngazo. “Zonke ezimpahla sizizise apha ibizimpahla zethu thina malungu ombutho. Siye sagqiba ekubeni umntu ngamnye makajonge impahla yakhe angayisebenzisiyo sizise kula maxhoba omlilo endaweni yokuba sizilahle nje,” utshilo uFiltani.
Uthe eyona njongo yabo bengamalungu alo mbutho, nozinze kwaLanga, kukwenza umahluko eluntwini. Waleke ngelithi nangona ingezompahla zintsha kodwa bayakholelwa ukuba zizakuwenza umahluko kwabanye abantu.
Uceba ka wadi 34, nequka le ngingqi, uFikiswa Nkunzana uthe akukabikho ncedo lwenziweyo ukuzama ukuncedisana nabantu ababetshelwe. Uye wayigxininisa into yokuba le ngingqi yakhiwe kwindawo engekho mthethweni.
“La ndawo ixinene kakhulu bafuna ukuphungulwa aba bantu basiwe kwezinye iindawo ngoba kunzima ukuba izicima mlilo zingene phakathi xa kusitsha ngoba akukho ndlela,” uthethe watsho uNkunzana. Ulebele ngelithi umcimbi wokwakhelwa kwabo izindlu awukacaci. “Aba bantu bangaphaya kwa 20 eminyaka behlala phaya abazange bakhelwa zindlu. Kwaye bakulungele ukuhambe baye nakweyiphi na indawo xa inokuvela,” uvalelise ngelitshoyo uNkunzana.