
Luqaphele usuku lwesifo seswekile uluntu lwaseGugulethu ngoLwesine weveki ephelileyo, nalapho kuthe kwaqhutywa uxilongo lwase sidlangalaleni.
Lo msitho ubuyinxalenye yemibhiyozo yehlabathi nalapho kuthi kuqatshelwe olu suku rhoqo ngomhla we 14 kweyeNkanga.
Ukuqaphela olu suku abahlali base Gugulethu, abongi kunye nabongikazi baye babamba umngcelele ukusuka kwiziko lezempilo lale ngingqi, kwikona ye NY78 ne NY3, ukuya kumabala ezemidlalo eNY 49.
Ngolu suku abongi nabongikazi baye baqhuba uvavanyo lwezifo ezahlukeneye kuquka iswekile, ugawulayo, umhlaza kwakunye nezinye.
Umququzeleli walo msitho uNtembeko Napakade uthe baye babona ukuba mabafundise abantu ngesifo seswekile ukuphawula olu suku. “Sikwa fundisa abantu ngendlela yokuzikhusela kwesi sifo nendlela yokuzinyanga xa uthe waba naso kuba zezona nto zibalulekileyo ezo,” utshilo.
U-Napakade uthe isifo seswekile asikhethe bani, sifumana omdala nomncinci.
Umhlali uNoxolo Mayekiso, nobe yinxalenye yesi sikhumbuzo, uthe ibaluleke kakhulu into eyenziwa leli ziko kuba impilo yoluntu iza kuqala.
“Thina singabanye asibi nalo ixesha lokuya kwiziko lezempilo, kwaye siye sonqene kuba kwasoloko kugcwele kanti le nto bayenzayo namhlanje iyasinceda kuba sixilongwa msinyane,” utshilo.
U-Mayekiso uthe bayayazi into ebalulekileyo ezimpilweni zabo kwaye ukuzilolonga yenye yazo. Uthe oku kuye kwacaca emveni kokuba bethabathe olu hambo.
Omnye umhlali uMalibongwe Macaleni uncome ngelithi yinto entle le yenziwa leli ziko lezempilo.
“Mna ndagqibela kudala ukuya tsala igazi kujongwe ukuba akukho sifo ndinaso na kuba ndidinwa kukulinda,” utshilo.
Uthe uyavuya kakhulu kuba emveni kokuba etsalelwe igazi kuye kwafumaniseka ukuba usempilweni kwaye ungumqabaqaba.