Bathiwe jize ngezixhobo zofunda

0:00
play article
Subscribers can listen to this article
Ezinye zezixhobo zokubhala abafundi base Vukani abazifumeneyo.
Ezinye zezixhobo zokubhala abafundi base Vukani abazifumeneyo.

Ibiluchulumanco kubafundi kunye nabasebenzi besikolo samabanga aphantsi iVukani, eLower Crossroads, ngethuba besamnkela izixhobo zokufunda kumagosa omzi wogcino-mali i-African Bank ngoLwesithathu umhla we 17 kweyoMdumba.

Ngabafundi abangama 50, baka Grade R ukuya ku Grade 4, abathe baxhamla kule nyhweba.

Umfundi ngamnye ufumene iipriti ezimbini, amasiba okubhala amane, irula, isikere, i-12 lencwadi, ifayile, isithandathu seepensile, i 14 lekhrayoni kunye ne 12 lekhokhi.

Inqununu yesikolo u-Zamuxolo Langa uchaze eli phulo nje ngento ezakwenza umahluko omkhulu ebantwaneni.

“Singamalungu esikolo sivuye kakhulu yile nkxaso,” utshilo. Wongeze ngelithi inkoliso yabantwana besi sikolo isuka “kumakhaya ahlelelekileyo kakhulu abazali babo abakwazi ukuzithenga zonke iincwadi ezifunekayo esikolweni nanje ngokuba abanye babazali bengaphangeli”.

U-Langa ubongoze abanye oosomashishini ukuba bazeke mzekweni ukuzama ukuphuhlisa impilo nezakhono zabantwana.

Umphathi weli ziko-mali kwisebe laseBellville kunye neendawo eziyingqongileyo u-Michael Mtiwetafa uchaze eli phulo njengendlela yokunikela ekuhlaleni, ingakumbi kwiingingqi ezingathathintweni.

“Eli liphulo elizama ukukhuthaza abantwana ukuba babuyele ezikolweni. Apha siye sijonge ncakasana izikolo ezikwiingingqi ezihlelelekileyo, nalapho siye sizixhase ukuzama ukwenza utshintsho,” uthethe watsho uMtiwetafa.

Waleke ngelithi eli phulo liqhuba kuzwelonke. Wongeze ngelithi zonke izikolo abazixhasayo zichongwa yimibutho yasekuhlaleni abasebenzisana nayo.

“Kukho umbutho ozimeleyo nesisebenzisana nawo iThuma Mina Food Kitchen, nezinze kwindawo yamatyotyombe iMarikana. Yiyo ethe yasidibanisa nesikolo iVukani,” ucacise watsho uMtiwetafa.

Uhambise wathi banawo amanye amaphulo abawenzayo, nalapho bathi baphuhlise ezemidlalo kunye noluntu jikelele.

U-Mtiwetafa ukwathe baceba ukusungula iphulo nalapho bazakuchonga abafundi abali 10 abagqwesileyo kwibanga leshumi kweli leNtshona Koloni, ze babaxhase kwizifundo zabo, baphinde babaxhobise ngendlela zokulondoloza imali.

“Eli phulo sizakuqala silivavanye kweli leNtshona Koloni. Sakuthi xa silibona ukuba liyaphumelela siqhubeke siye nakwamanye amaphondo,” uvalelise ngelitshoyo uMtiwetafa.

Omnye wabafundi abathe baxhamla kweli phulo uLuyanda Khabingesi (onesixhenxe seminyaka) nofunda ku Grade 1 uye wabulela kumalungu ale bhanka ngenkxaso, watsho esithi zizakumnceda kakhulu ezi zixhobo.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
As a child or as an adult, have you ever been a victim of bullying?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, at school
55% - 4027 votes
Yes, at work
18% - 1288 votes
No, I've never experienced this
27% - 2000 votes
Vote
USD/ZAR
14.28
(+0.3)
GBP/ZAR
19.85
(-0.0)
EUR/ZAR
17.21
(+0.4)
AUD/ZAR
11.06
(+0.2)
JPY/ZAR
0.13
(+0.2)
Gold
1,787.52
(-0.3)
Silver
26.38
(-0.6)
Platinum
1,209.50
(-0.7)
Brent Crude
65.32
(-1.9)
Palladium
2,860.00
(-0.7)
All Share
66,917
(-0.3)
Top 40
61,113
(-0.5)
Financial 15
12,114
(-0.1)
Industrial 25
86,634
(-0.1)
Resource 10
68,558
(-1.0)
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo