Huntshu, isiXhosa sethu!

Iphephandaba lakho, iCity Vision, likwi phulo lokuphuhlisa noku khuthaza ulwimi lwesiXhosa.

Njengenxalenye yeli phulo sithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba babe yinxalenye yethu, ngokuthi bazi bandakanye ngokuhlomhla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into yethu epapashwe kwi City Vision.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele kumnatha wethu ongu www.cityvision.co.za

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Sibongoza ababhali ukuba basiphe igama, ifani kunye nendawo umntu ahlala kuyo xa esibhalela.

Sikunye singenza umahluko omkhulu.

Ukusukela ngoku siza kuthi sipapashe isaci kunye neqhalo, rhoqo ngeveki, sicele intsingiselo kubafundi.

Zonke impendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwiveki elandelayo rhoqo.

Ingaba ithini intsingiselo yezi zaci kunye neliQhalo?

ISACI: Unyawo lwambeth’indlela.

ISACI: Umntu ongenandonci.

IQHALO: Unyawo alunampumlo.

Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

Isisele senyathi: Noluthando Mahlathi-Fuku, Nyanga: Umntu onomava.

Akukho rhamncwa lingagqumiyo kowalo umngxuma: Noluthando: Oyena mntu uligwala, nodeliweyo uzibona ubunto nobunganga endlwini yakhe.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi u E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zeveki edlulileyo:

Isisele senyathi: Kutshiwo kumntu olumkileyo, umntu onamava. Kaloku inyathi idume ngobulumko namaqhinga okuzimela nokuhlasela aabo bayizingelayo.

Akukho ramncwa lingaqqumiyo kowalo umngxuma: Eli qhali lithetha ukuthi noyena mntu uligwala uya zikhusela kowakhe umzi. Sonke isilo sakubhaqwa, singcacela ngasemngxunyeni waso. Nomntu ke, noyena udeliweyo uzibona ubunto nobunganga endlwini yakhe.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When assisting your child with remote learning this year, did you:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Follow the school's comprehensive sexuality education (CSE) curriculum?
25% - 2 votes
Adjust the CSE curriculum to suit the family's morals?
0% - 0 votes
Ignore the schools CSE programme and do your own teaching?
75% - 6 votes
Vote
ZAR/USD
15.20
(+0.03)
ZAR/GBP
20.32
(-0.07)
ZAR/EUR
18.13
(-0.05)
ZAR/AUD
11.21
(-0.22)
ZAR/JPY
0.15
(-0.17)
Gold
1809.08
(-0.00)
Silver
23.19
(+0.07)
Platinum
951.00
(-0.70)
Brent Crude
47.75
(-1.52)
Palladium
2382.00
(+1.12)
All Share
57923.69
(+0.31)
Top 40
53084.13
(+0.27)
Financial 15
11645.28
(+0.04)
Industrial 25
79993.34
(+0.20)
Resource 10
52790.93
(+0.35)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo