Ibangela ingxokolo inkunkuma

Induli yenkunkuma phakathi kwamatyotyombe iNeva-Neva.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE
Induli yenkunkuma phakathi kwamatyotyombe iNeva-Neva.IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abahlali kwiingingqi zamatyotyombe eNyanga, Gugulethu, Lower Crossroads kunye nase Phillipi, balugcwabevu ngumsindo yinto abathi kukungakhathalelwa ngabasemagunyeni.

Esi simbonono sibangelwa kukungaqokelelwa kwenkunkuma kwiindawo zabo, nto leyo bathi ingabangela ukunwena nangakumbi kwentsholongwane ye Khorona. Ngokweengxelo sele kuqingqithe iinyanga ezimbini iqhuba le meko.

Umhlali nokwayinkokheli kumatyotyombe ase Neva-Neva, ePhilippi, uNowethu Sawutana uchaze imeko abahlala phantsi kwayo nanje ngemaxongo. Uthi kunzima nokuvula umnyango ngoba kuyanuka kwaye iimpuku zingena zibaleka ezindlini.

Ubongoze abasebenzi bakamasipala ukuba baphume iphulo baqokelele inkunkuma ukusindisa impilo yoluntu. “Kwezihoki zimelene neziindawo kulahlwa kuzo inkunkuma iimpethu zingena ezindlini xa kushushu. Bathi abantu behleli ngaphakathi ezindlini babone iimpethu zihamba emadongeni,” uthethe watsho uSawutana.

Waleke ngelithi abahlali basematyotyombeni bajongene noxanduva olunzima lokuzikhusela kwintsholongwane iKhorona nakwezinye izifo eziza nokukungcola.

Umhlali kumatyotyombe ase Phase Two eLusaka, eNyanga, uNolulamo Mthambeka uthe nabo baleqa inyanga yesibini bejongene nale meko.

“Kunuka yonke indawo ngoba abantu balahla nezinja ezifileyo,” utshilo uMthambeka.

Uqhube wathi akaqinisekanga ukuba kutheni ingasathuthwa inkunkuma. Uthe kuyo yonke le meko baphila phantsi kwayo ucingela abantwana abancinci, ngoba badlala kule nkunkuma. “Asikhuselekanga konke konke ngoba umoya esiwuphefumlayo umdaka,” uthethe watsho uMthambeka.

Ukanti uBulelani Mnukwa ohlala eSiyahlala uthe udanile yindlela urhulumente aqhuba ngayo, ingakumbi kwiindawo zabantu abantsundu. “Akukho nengxelo esuka kwiinkokheli zethu ukuzama ukusazisa ukuba kwenzekani. Sibona nje thina inkunkuma ingaqokelelwa asimazi unobangela,” utshilo uMnukwa.

Uthe le nkunkuma ibisele ikhona ngethuba kuqala iziyunguma zokuphela konyaka. “Ndimke apha eKapa ngoLwesibini umhla wama 22 kwinyanga yoMnga ndiyishiya ilapha le nkunkuma. Ndiphinde ndabuya ngeCawe umhla wesithathu kule nyanga sikuyo ndafika isekhona. Njani kusithiwa kukho intsholongwane egqugqisayo kodwa abantu bahlaliswe enkunkumeni,” ubuzile uMnukwa.

Ilungu lekomiti ka sodolophu kwicandelo lezamanzi nelindle uXanthea Limberg uchaze ukuphela kwesivumelwano sengqesho phakathi kwesiXeko nenkampani ibicoca njengonobangela.

Esi sivumelwano siphele ekupheleni kwenyanga yoMnga, ukanti inkampani entsha ebekufaneleke ukuba iqalile kule nyanga isanqunyanisiwe okumzuzwana emva kokuba iinkampani ebezigacele lo msebenzi ziye zabhena.

“Okwalomzuzu ukuqinisekisa ukuba iinkonzo ziyafikeleleka ebantwini icandelo lezokungcoliseko nelindle liye lacela ukuguqula isivumelwano eso sengqesho kube kufunwa iinkampani ezizobe zisebenza ngelixa kusaxoxwa,” utshilo, wongeza ngelithi kuchongwe iinkampani zethutyana ukuba zenze lo msebenzi.

Uchaze ingxelo yabahlali nabathe sele ileqa iinyanga ezimbini inkunkuma ingasaqokelelwa nenje ngebubuvuvu, watsho esithi ukungacocwa kwenkunkuma kuqale ngomhla wokuqala kweYomqungu, kodwa isiXeko siye saqala ukuyicoca kwakhona ngoLwesihlanu umhla we 8 kule nyanga.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When a Covid-19 vaccine for under 16's becomes available, will you be taking your children to get it?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, immediately!
37% - 2456 votes
I'll wait to see how others respond
26% - 1758 votes
No, I don't think they need it
37% - 2447 votes
Vote
ZAR/USD
15.09
(-0.16)
ZAR/GBP
21.02
(-0.23)
ZAR/EUR
18.22
(-0.19)
ZAR/AUD
11.62
(-0.25)
ZAR/JPY
0.14
(-0.54)
Gold
1734.50
(+0.02)
Silver
26.67
(+0.05)
Platinum
1186.51
(+0.42)
Brent Crude
64.40
(-2.56)
Palladium
2310.00
(+0.58)
All Share
66138.05
(-1.99)
Top 40
60754.30
(-2.11)
Financial 15
12200.05
(-1.09)
Industrial 25
86144.34
(-0.81)
Resource 10
67459.85
(-4.14)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo