Izinga le HIV lenyukile

Liyonyuka izinga lokosuleleka kwabantu abatsha yintsholongwane ka Gawulayo, ingakumbi kumabhinqa.

Oku kudizwe nguMbulawa Mugabe, umlawuli oyintloko kwinkqubo yeZizwe Ezimanyeneyo ejongene nesifo uGawulayo eMzantsi Afrika, kwiveki ephelileyo.

Uthe ngama 88 000 abantu abatsha, ingakumbi amantombazana athi asuleleke sesi sifo minyaka le.

Oku kuza emva kothotho lwemifanekiso bhanya-bhanya, i video ngolwini lwase mzini, ethe yabhentsiswa kumakhasi onxibelelwano kutshanje.

Kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo, kuvele i video yentombi imunca ubudoda betyendyana elithile.

Oku kulandelwa yenye i video yamakhwenkwe amabini esabelana ngesondo ne ntombi enye.

Ethetha kwingqungquthela yeenkokheli zakwa lizwi kunye nezomthonyama eGoli, uMugabe uthe lishumi amantombi athi osulelwe ngulo bhubhane rhoqo nge yure. Logama ingama 240 athi osuleleke ngosuku. Kanti phantse ibe li 1 700 elithi losuleleke nge veki.

Ezingxelo ziyakhabana nezi kamphathiswa wezempilo uAaron Motsoaledi athe wazidiza kwinyanga yeSilimela, nalapho athe lehlile izinga lokosuleleka kunyaka ophelileyo.

Ngokuka Motsoaledi uphando oluqhutywe ziinzululwazi nangamaziko ophando lubonakalisa ukuba bambalwa abantu abathe bosulelwa sesi sifo xa kuthelekiswa nophando olwenziwa ngomnyaka ka 2012.

Olu phando lwabhentsisa ukuba izinga losuleleko luxhomile kumanina aphakathi kwe 15 ukuya kuma 24 eminyaka, lonyuke ngokuphinda- phindene kathathu xa kuthelekiswa nabafana.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When assisting your child with remote learning this year, did you:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Follow the school's comprehensive sexuality education (CSE) curriculum?
14% - 374 votes
Adjust the CSE curriculum to suit the family's morals?
24% - 650 votes
Ignore the schools CSE programme and do your own teaching?
63% - 1739 votes
Vote
ZAR/USD
15.14
(+0.01)
ZAR/GBP
20.38
(+0.09)
ZAR/EUR
18.41
(-0.00)
ZAR/AUD
11.26
(+0.19)
ZAR/JPY
0.15
(+0.08)
Gold
1839.37
(-0.03)
Silver
24.02
(-0.04)
Platinum
1039.00
(+1.65)
Brent Crude
48.78
(+0.95)
Palladium
2338.99
(+1.59)
All Share
58947.48
(+1.14)
Top 40
54171.85
(+1.29)
Financial 15
11399.33
(+0.82)
Industrial 25
79681.43
(+0.78)
Resource 10
56621.26
(+2.07)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo