Lisuka kwi phepha lesi 5

ukuziphatha xangaba unomsindo,” utshilo Sibozo. Wongeza ngelithi inani lezikolo ezikule nkqubo liyonyuka ngenxa yeengxaki ezijamelene nazo. Uthe apho ingxaki ingaphezulu kwamandla abo baye bacele uncede koonontlalontle.

“Iphulo lwezakhono silucalule kahlanu, nalapho siye senze izinto ezahlukeneyo ukuzama ukonwabisa abafundi nokwandisa ulwazi lwabo,” utshilo uSibozo.

Phakathi kokunye baye bathabathe uhambo lokonyuka intaba kunye nemiboniso yezemfundo yasesidlangalaleni.

U-Sibozo uthe umnqweno wabo kukusebenzisana nazo zonke izikolo zaseKhayelitsha neendawo eziyingqongileyo.

Othethele amapolisa kwisikhululo saseKhayelitsha uKapteni Ntandazo Mncanca ulichaze eli phulo njengelinemfundiso ebantwaneni.

Uthe bengamapolisa bakhuthaza abantwana ukuba bayeke ukwenza ubundlobongela, koko bajongane nezifundo zabo.

“Xa ngaba umntu efaka isicelo sokuba lipolisa zekufunyaniswe ukuba uyachaphazeleka kubundlobongela okanye wakhe wabanjwa lo mntu uye angathathwa. Kwaye ukuze uqeshwe esipoliseni kuyanyanzeleka ukuba ubenebanga leshumi kunye nesigunyazisi sokuqhuba,” ucacise watsho.

U Mncanca wongeza ngelithi awakho amabanga abagxile kuwo. Uthe ezenzululwazi kunye nezibalo zinika amathuba amahle okuchongwa.

“Zininzi izinto ezenziwayo esipoliseni, ngaphakathi kukho abantu abalungisa imoto, abaxilongayo, nabafotayo. Yiyo lonto simemelela ukuba ulutsha lugxile ezincwadini zalo khona ukuze babenamathuba amakhulu okungena esipoliseni,” utshilo Mncanca.

Utitshalakazi wesikolo sezoshishino iZola u-Nonkululeko Mbengo ubabaze lo msitho njengokhuthazayo kubafundi.

“Sineminyaka mithathu sisebenzisana ne-Iliso. Iyasincendisa ngakumbi ebantwaneni abenza izibalo. Kwaye iyabakhuthaza ukuba badlalele kude neziyobiso nakoonqevu,” utsho njalo Mbengo.

Ukanti u-Kamvalethu Ngqakayi, ominyaka ili 17, ofunda ibanga lesixhenxe e-Bulumko uchaze lo msitho njengonemfundiso nobavula ingqondo.

“Uyasikhuthaza ukuba sizazi ukuba sifuna ukuba yintoni kusekutsha singade siyofika kwibanga leshumi singazazi. Kwaye uyasikhuthaza ukuba sijonge incwadi singahoyi izinto zangaphandle,” ugqibezele ngelitshoyo u-Ngqakayi.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When planning for the Black Friday sales do you:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Save, research and plan ahead, preparing to make the most of it?
8% - 901 votes
Wait and see what looks like a good deal on the day?
14% - 1696 votes
Have no interest in spending more money this year?
78% - 9322 votes
Vote
ZAR/USD
15.33
(+0.14)
ZAR/GBP
20.42
(+0.35)
ZAR/EUR
18.19
(+0.11)
ZAR/AUD
11.23
(-0.13)
ZAR/JPY
0.15
(+0.43)
Gold
1801.76
(-1.87)
Silver
23.13
(-1.60)
Platinum
952.00
(+2.80)
Brent Crude
45.51
(+2.15)
Palladium
2359.00
(+0.80)
All Share
57807.55
(+1.16)
Top 40
53098.07
(+1.18)
Financial 15
11701.83
(+3.21)
Industrial 25
80346.93
(+0.54)
Resource 10
52445.20
(+1.30)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo