City Vision

Lufuna ubulungiswa ulutsha

accreditation
Iqela lolutsha oluthe lwathabatha inxaxheba kuqhankqalazo olusingise kwisikhululo samapolisa aseSite B ngoLwesihlanu umhla wama 26 kweye Silimela. UMFANEKISO: MZWANELE MKALIPI
Iqela lolutsha oluthe lwathabatha inxaxheba kuqhankqalazo olusingise kwisikhululo samapolisa aseSite B ngoLwesihlanu umhla wama 26 kweye Silimela. UMFANEKISO: MZWANELE MKALIPI

Ludele ingqele eqhaqhazelisa amazinyo lwangena ezitalatweni ukuvakalisa imbilini yalo mayela nokuphathwa kakubi kwamanina ulutsha lwengingqi yakooPJS, eSite B.

Le migushuzo ibikhokhelwa ngamanina kulandela uthotho lweziganeko zokubulawa nokudlwengulwa kwabantu ababhinqileyo kweli jikelele.

Kususela mhla kwanyenyiswa imigqaliselo elawula ukuhamba kwabantu ngomhla wokuqala kweye Silimela, zithande ukuxhaphaka iziganeko zokuphathwa gadalala kwabantu basetyhini.

Kwisiganeko esithe sehla kule ngingqi kubikwa ukuba inenekazi (elinama 37) lithe lahlaselwa ngokumasikizi ngomhlakulo sisinqandamathe salo.

Kutyholwa ngelithi kamva umrhanelwa ulifihle kwigumbi lakhe lokulala ixhoba. Ukanti ixhoba lithe lafunyanwa libotshelelwe kwigumbi lomrhanelwa, laze laleqiswa esibhedlele nalapho itshoba lithe lalala khona umbethe.

Ukanti ulutsha oluvathe iqaqa ngumsindo luthe lwasinyemba kanobomi esi siganeko ngokuthi lungene ezitalatweni lusingise kwisikhululo samapolisa saseSite B.

Olu lutsha beluphethe amapheke-pheke anemiyalezo efana nethi “Wathinta abafazi wathinta imbokodo”, “Ohh yhini senzeni”, “Phantsi ngoku bulawa kwamanina”.

Olu lutsha lufike lwakhanyisa amakhandlela phambi kwesi sikhululo samapolisa, nalapho abanye baye bafunda iimiyalezo yenkxaso yale migushuzo.

Ingxelo ezingaqinisekiswanga zithi umrhanelwa uthe wafunyanwa kamva lihlanzile iselwa kwisikhululo samapolisa ase Site B, nalapho ebevalelwe khona.

U-Portia Nomtebeyi umchaze ixhoba njengomntu ebezithandela ukonwaba, ekwangumntu olungileyo ekuhlaleni. Uhambise wathi umrhanelwa ukhanyele walala ngomqolo xeshikweni ebuzwa ngexhoba. Ukanti ibeziimfefe zikaMdali ezikhokelele ekufunyanweni komzimba wakhe.

“Kuye kwavuleka ucango lengumbi lokulala ngempazamo nalapho itshomi (yexhoba) ithe yambona ephakamisa isandla. Lo mfana ebesele enyuse nebhedi ekubonakala ukuba ebeza kumombela khona. Uye wathathwa ke wabalekiselwa esibhedlele nalapho athe waswelekala khona,” utyatyadule watsho uNomtebeyi.

Loka Nomtebeyi uthe belulutsha lakooPJS, N, P, Q nakooNN bagqibe ukuba baphakame babonakalise ukudikwa nokonela ngokubulawa kwabantu abangomama.

U-Nomtebeyi ukhuthaze ukuba amanina aphume zibekwa xa athi axhatshazwe ngamaqabane abo.

“Ulutsha malungayithathi kancinci into yokubulawa komama. Ibikade isenzeka kude kuthi, ngoku yenzeka apha ekuhlaleni kwethu. Abantu abangotata bayasibulala. Ibuhlungu lento kakhulu,” utshilo uNomtebeyi.

U-Nolubabalo Sindaphi uthe iyaqala ukwenzeka into ekumila kunje kule ngingqi.

“Sigqibe ukuba siphakame siyimele le meko ibuhlungu kangaka. Sifuna kungabikho omnye umntu wakooPJS othi afumane ukuxhaphazeka. Umntu makagwetywe ubomi entolongweni ngokubulala umntu ongumama nomntwana,” uvakalise ololuvo uSindaphi.

Isigqeba ebesingene ngaphakathi kwisikhululo samapolisa sibuye nento yokuba bayacelwa ukuba bachithakale nanjengoko bebebaninzi kwaye benyhasha imigqaliselo yokumiswa kwentshukumo zoluntu

Isithethi samapolisa uKhapteyini Frederick Van Wyk uthe iimeko ezingqonge ukusweleka kwenenekazi elineminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ngoMvulo umhla wama 22 kweYesilimela kwisibhedlele saseKhayelitsha zisaphandwa.

“Indoda eneminyaka engamashumi amathathu anesithoba yathi yabanjwa emva kophando lwabacuphi bamapolisa. Lendoda ibanjelwe ukubulala kwaye yathi yavalelwa eKhayelitsha,” utshilo uVan Wyk.

Ngengxelo zokusweleka kwale ndoda kwisikhululo samapolisa aseSite B okaVan Wyk uthe icandela eliphanda izenzo ezigwenxa zamapolisa i-Independent Police Investigative Directorate (IPID ngamafuphi) lilo elichophele lo mba.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
Facebook is facing a fresh crisis after a former employee turned whistle-blower leaked internal company research. Do you still use Facebook?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, the benefits outweigh the risk for me
32% - 2411 votes
No, I have deleted it
38% - 2857 votes
Yes, but I am considering deleting it
31% - 2332 votes
Vote
Rand - Dollar
14.57
+0.7%
Rand - Pound
20.08
+0.1%
Rand - Euro
16.98
+0.3%
Rand - Aus dollar
10.88
-0.0%
Rand - Yen
0.13
+0.5%
Gold
1,779.33
+0.8%
Silver
23.71
+2.2%
Palladium
2,083.00
+2.9%
Platinum
1,052.83
+1.5%
Brent Crude
84.33
-0.6%
Top 40
60,320
+0.6%
All Share
66,912
+0.6%
Resource 10
64,002
+1.1%
Industrial 25
84,631
+0.5%
Financial 15
13,990
-0.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE