Masizingce ngesi Xhosa sethu!

S

ithanda ukukhuthaza nokumema abafundi ukuba bazibandakanye nathi ngokuhlomla nokuthabatha inxaxheba kuyo yonke into epapashwe kwi City
Vision
.

Ungakwenza oko ngokuthi uthumele umyalezo wakho kwezinkcukacha zilandelayo: idilesi ye emeyile: News@cityvision.co.za okanye Thulani@cityvision.co.za

Kanti ungasindwendwela nakumakhasi ethu onxibelelwano uFacebook: City Vision Live okanye uTwitter: @cityvisionlive kungenjalo usindwendwele phantsi komnatha othi www.news24.com ukhangele iCity Vision.

Siyakuthi sipapashe zonke izimvo zenu kwiphephandaba le veki elandelayo.

Njengenxalenye yephulo lethu lesiXhosa sicela intsingiselo yezi zaci kunye neli
qhalo.

Zonke iimpendulo esithe sazifumana siya kuzi papasha kwi City Vision yeveki elandelayo.

ISACI: Intloko ethambileyo.

ISACI: Intloko elukhuni.

IQHALO: Oxhela eyakhe akabuzwa.

V Thumela impendulo yakho nge e-mail ku news@cityvision.co.za okanye uWhatsapp ku 083 721 7648.

Iimpendulo zeveki edlulileyo:

. Into ef’amanqa:

Buyiswa Magqaza, Harare: Into ef,’amanqa ithetha into engekhoyo.

Luvo Niyakhe, Philippi: Kukwenza into engacacanga okanye engacaciyo.

Zoleka Njoli, Site B: Into engenasihlahla.

Ngubohlanga Soqele, Khayelitsha: Yinto engagqibelelanga, engacacanga ingena mpumelelo ukuba yintetho iyintetho engavakaliyo intsingiselo yayo.

Ntuthuzelo Solani, Gugulethu: Into ef’amanqa xa sukube linto uyithethayo okanye uyivezayo inga velwa ntweni...Kuye kuzekeliswe kuthiwe loo ntetha if’amanqa.

Zuki Mdunyelwa, Harare: Yintetho engavakaliyo.

. Ukubhalela edolweni:

Buyiswa: Ukwenza ngokungxama okanye ukusongela umntu.

Luvo: Kukwenza into ongaqinisekanga ngayo. Ubhalela edolweni ngenjongo zokukopa okanye ukwenza izilungiso.

Zoleka : Uyakhohlisa.

Ngubohlanga: Wenza into kuba enyanzelekile kuba imeko imnyanzelisa enze ke ukwanelisa imeko leyo.

Ntuthuzelo: Uyadlalisa.

Zuki: Kukufungela umntu okwenze into obuhlungu

. Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni:

Buyiswa: Ayinambheka phambili.

Luvo: Kuthetha unyamezelo lokungabinamcedi.

Zokeka: Intetho yehlwempu ayimanyelwa.

Ngubohlanga: Umsindo nokuxhalaba komntu ongenanto akukho ndawo kuma kuyo okanye akumisi nto.

Zuki: Yinto oyiqalayo iphelele esithubeni.

Ntuthuzelo: Xa sukube engaziva ngumona.

Ngokwenkcazela yombhali ncwadi umnumzana E.W.M Mesatywa, nazi impendulo zezaci namaqhalo eveki edlulileyo:

Into ef’amanqa: Yinto engento, engenasihlahla sayo, nantsingiselo kuyo; into engenamsebenzi.

Ngokwengxelo esi saci sivela kwinkolo yokuba nasiphi isilo esife amazantsi la asisenamsebenzi, kuba singenako ukuzivikela nokuma.

Ukubhala edolweni: Noxa intsingiselo yale ntetho ingacaci kakuhle inkcazelo ithi kuthethwa ukukhohlisa.

Kuthiwa ma kube yintetho yasesikolweni, athi umfana ebona intombi, abe sel’ ebhala iphetshana, ebhalela edolweni, ebeka idinga, phofu engekho ntweni.

Izithukuthuku zenja ziphelela eboyeni: Eli qhalo lithetha ukuba izinto ezenziwa nezithethwa lihlwempu azidli ngakukhathalelwa.

Kutshiwo nokumntu lo onomsindo ongamsi ndawo.

Okunene nokuba inje ibilile, loo mbilo womela kuyo, kungekho bani uzixhamal ngokuyisula, inye into enokuyenza kukuzivuthulula ngokwayo.

Elokuqwela: Sicela usinike isaci okanye iqhalo kunye nenkcazelo ngezi zilwanyane zilandelayo:

Impukane?

Impuku?

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
As South Africa faces down the third Covid-19 wave, how are you keeping your family safe ?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Staying at home, isolating and being careful
19% - 696 votes
Sanitising and wearing masks when we go out
67% - 2402 votes
Going on as usual, we're not afraid of the virus
14% - 493 votes
Vote
Rand - Dollar
14.15
-0.2%
Rand - Pound
19.96
-0.2%
Rand - Euro
17.19
-0.1%
Rand - Aus dollar
11.00
-0.1%
Rand - Yen
0.13
-0.0%
Gold
1,843.76
0.0%
Silver
27.42
0.0%
Palladium
2,894.50
0.0%
Platinum
1,229.50
0.0%
Brent Crude
68.71
+2.5%
Top 40
60,573
+0.6%
All Share
66,598
+0.7%
Resource 10
69,386
-0.1%
Industrial 25
83,277
+0.9%
Financial 15
12,685
+1.5%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo