Ugqibe iminyaka elikhulu!

0:00
play article
Subscribers can listen to this article
Umakhulu uRosie Mdewu (100) ngemini yokubhiyozela iminyaka elikhulu.                                              PHOTOs: mzwanele mkalipi
Umakhulu uRosie Mdewu (100) ngemini yokubhiyozela iminyaka elikhulu. PHOTOs: mzwanele mkalipi

Ibiluchulumanco lodwa ngethuba inkodenkazi yaseGugulethu ibhiyozela ukufinca i100 leminyaka isidla amazimba.

U-Rosie Mdewu, nowazalwa ngomhla wesibini ngenyanga yoMdumba ngomnyaka ka 1921 eHewu eMpuma Koloni, ebekhangeleka ezolile ngethuba abantwana bakhe, abazukulwana kunye namalungu osapho eqaphela usuku lwakhe lokuzalwa ngoMgqibelo umhla we 27 kweyoMdumba eNY 6.

Okona kuthoba umxhelo kukuba le ngwevukazi isaqhathula, kwaye isazenzela uninzi lwezinto, logama amehlo ayo efuze awekati.

Ephawula ngalo mhla, uMdewu uthe ngethuba lokukhula kwakhe ingqeqesho yabazali nokumamela yayizezona zinto zaziphala phambili.

“Mna ndathi ndisemncinci ndinjalo utata wandikhupha esikolweni esithi mandoluse iigusha zakhe. Zange ndibhekele ndawo esikolweni ngoba ndandimamele abazali bam,” utshilo uMdewu. “Ndiyababulela abazali bam ngako konke abandifundisa kona kwanga apho bakhoyo baphumlile kamnandi.”

Intombi yakhe endala, uThembeka Mthenjana (onama 71) uthe luchulumanco lodwa kubo ukubona umama wabo egqiba iminyaka emininzi kangaka.

“Siyanqwena ukuba nathi sifikelele kule minyaka yakhe yokudla ubomi. Umama ekukhuleni kwethu yayingumntu ostrict kakhulu, kwaye engathandi ukusibona siyabula nje sigqiba izitrato ekuhlaleni,” utshilo uMthenjana. “Umama zange wabusela utywala, kwaye ndicinga ukuba yenye yezinto ezibangele agcinakale apha ebomini. Siyavuyisana naye kule minyaka mininzi kangaka sinethemba uThixo usezakumgcina amphe eminye emininzi futhi.”

Olusapho luthi uMdewu lo akangowokuqala ukudibanisa iminyaka elikhulu, njengoko usisi wakhe omdala wasweleka eneminyaka eli 110. Ukanti ozalwa noMdewu oyintombi encinci uNomsisi Mgqibisa unama 87 yeminyaka.

Olu sapho kangangobuninzi abasalazi inani labazukulwana nesizukulwana sikaMdewu.

Usapho lukaMdewu luthi umakhulu lo uyazithanda ilekese, kwaye nenyama yinto wayeyithanda kakhulu.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
As a child or as an adult, have you ever been a victim of bullying?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, at school
55% - 2122 votes
Yes, at work
17% - 654 votes
No, I've never experienced this
28% - 1073 votes
Vote
USD/ZAR
14.22
(-0.8)
GBP/ZAR
19.89
(+0.3)
EUR/ZAR
17.12
(-0.2)
AUD/ZAR
11.03
(-0.4)
JPY/ZAR
0.13
(-0.2)
Gold
1,770.56
(-0.3)
Silver
25.83
(-0.6)
Platinum
1,209.50
(+0.5)
Brent Crude
66.77
(-0.3)
Palladium
2,816.66
(+1.3)
All Share
68,094
(-0.9)
Top 40
62,326
(-0.9)
Financial 15
12,417
(-0.2)
Industrial 25
88,303
(-1.2)
Resource 10
69,786
(-0.8)
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo