Usekwe ngokusesikweni umzi odidiyela umculo nolonwabo

Imvumi yasePhilippi uQhude ushiye abantu bengawuvali umlomo ngelixa ebecula. umfANEKISO: UNATHI OBOSE
Imvumi yasePhilippi uQhude ushiye abantu bengawuvali umlomo ngelixa ebecula. umfANEKISO: UNATHI OBOSE

Belizele limi ngembambo iholo loluntu iBrowns Farm, ePhilippi, ngabalandeli bomculo kamaskhandi ngethuba kumiselwa ngokusesikweni inkampani yolonwabo no mculo i-Jabulanathi ngoMgqibelo umhla wesixhenxe kweyeNkanga.

Ngamaqela omnculo kamasikhanda angaphaya kwama 20, kuquka Abashokobezi base Durban kunye ne Ijong’elihle abasuka no Mroza owaziwa ngengoma ethi Sobulala Van Dam neyavala unyaka ngo2016.

Le nkampani, nesungulwe phakathi kunyaka ophelileyo, sele ibhalise iimvumi ezine zikamasikhanda phantsi kwayo kuquka uDentist, Sichizi, Abashokobezi, Lolo mfoka Vakashile kunye ne Ijong’elihle.

Omnye wabasunguli bale nkampani uSithembele Xhinti uchaze lo msitho njengethuba lokwazisa le nkampani eluntwini kunye nakwiimvumi ezikhasayo. Uthe injongo yabo kukuzama ukunceda nokuvulela iimvumi ezisakhasayo amathuba ukuze umculo wazo ufikelele kumntu wonke kunye nakoonomathotholo. “Ngenxa yokubona indlela iimvumi ezisokola ngayo, ingakumbi kwiphondo leNtshona Koloni, siye sabona ukuba sisungule le nkampani ukuze sikwazi ukusebenzisana nazo. Injongo kukuzama ukubavulela amathuba bakwazi ukuthengisa amacwecwe abo. Siququzelela neminyhadala ukuze bakwazi ukucula,” uthethe watsho uXhinti.

Waleke ngelithi wonke umntu ofuna ukuphuhlisa isakhono sakhe somculo, nokuba ngonjani, wamnkelekile kule nkampani.

“Uninzi lweemvumi esinazo okwangoku zimvumi zikamasikhandi, kodwa nezinye zamnkelekile nokuba zicula owuphi na umculo,” uthethe watsho uXhinti.

Uthe owona mnqweno wabo kukukhulisa nokuphuhlisa wonke umntu oyimvumi nonesakhono sokucula, ingakumbi kulutsha.

Ilungu leqela lomculu i-Ezendlamlenze uMilly Blayi uwuchaze lo msitho njengephulo elizama ukuphuhlisa izakhono zolutsha.

“Apha asiphelelanga nje ekuculeni, sonwabisa abantu. Ukanti sikwabonisa nangezakhona zethu,” utshilo uBlayi.

Ukhuthaze ulutsha ukuba luzame ukuzivulela awalo amaqela ukuze luzikhwebule ezitalatweni nasekwenzeni izinto ezimbi.

Umhlali waseBrowns Farm uMbulelo Kopo, nobezimase lo mcimbi, uwuchaze nanje ngonika umdla. “Intle lento yenziwa yile nkampani ngoba abantu abaninzi bacula nje ezitalatweni abade baphumelele. Into ethetha ukuthi xa benokuzibandakanya neJME bangaphuhla,”utshilo uKopo.

U-Xhinti uye wathembisa uluntu ngelithi rhoqo ngonyaka bazakuba nomsitho omkhulu, nalapho bazakumema iimvumi zikamasikhanda ezisuka kumaphondo ohlukeneyo.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When planning for the Black Friday sales do you:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Save, research and plan ahead, preparing to make the most of it?
8% - 857 votes
Wait and see what looks like a good deal on the day?
14% - 1609 votes
Have no interest in spending more money this year?
78% - 8756 votes
Vote
ZAR/USD
15.41
(+0.06)
ZAR/GBP
20.53
(-0.08)
ZAR/EUR
18.25
(+0.28)
ZAR/AUD
11.23
(+0.43)
ZAR/JPY
0.15
(+0.70)
Gold
1836.94
(-1.84)
Silver
23.57
(-2.48)
Platinum
926.76
(-1.62)
Brent Crude
45.19
(0.00)
Palladium
2343.00
(+1.45)
All Share
57147.31
(+0.94)
Top 40
52478.55
(+1.08)
Financial 15
11337.90
(+0.62)
Industrial 25
79917.53
(+1.49)
Resource 10
51771.17
(+0.65)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo