Uzama iindlela zokukhulisa iimpiko zakhe umzobi okhasayo

Omnye wabantu abamnyama owabulawa ngamapolisa eMelika uGeorge Floyd
Omnye wabantu abamnyama owabulawa ngamapolisa eMelika uGeorge Floyd

Umzobi okhasayo wase Site C ubongoza uluntu ukuba lumncede lumdibanise nabantu okanye izikolo ezizobayo ekuhlaleni ukuze akwazi ukuphuhlisa isakhono sakhe sokuzoba.

U-Kwanele Bacele (onama 34), nongumzobi owaziwayo engingqini yakhe nakumakhasi ezonxibelelwano, uchaze ukuzoba nanje ngento esegazini kuye.

“Ukuzoba yinto endikhule nayo ndisemncinci. Bendisithi ukuba ndihleli nje akukhonto ndiyenzayo ndithathe incwadi ndizobe. Bendizoba nantoni na endiyibonayo ephambi kwam,” utshilo uBacela.

Uthe uqale ukusithathela ingqalelo esisakhono ngomnyaka ka 2013, nalapho aye waqala ukuhlawulisa abantu xa ebazobele. “Kuqala ndandizoba njeee, kodwa ndithe ndakubona ukuba nyani ndiyazoba kwaye nabantu bayandikhuthaza ndaqonda ukuba mandihlawulise. Umntu uza nje nomfanekiso walonto afuna ndimzobele yona ndiwukhuphele. Mna andizobi ndiyakhuphela,” utshilo Bacela ehleka. Waleke ngelithi imizobo yakhe iqala ku R50 ukuya phezulu ngoba ixabiso lixhomekeka kulonto umntu afuna ukuzotyelwa.

“Uzokuba nje umzimba ongentla womntu ndiye ndibize R50. Xa ngaba bebathathu emfanekisweni ndiye ndibize R150 ndibhatalisa ngokwentloko zabantu ezikumfanekiso lowo ndiwenzayo,” ucacise watsho.

U-Bacela nosebenza njengonogada uthe akakwazi ukuxhomekeka ekuzobeni kuphela ngoba imali yawo iza kade, kwaye kufuneka exhase nosapho lwakhe.

“Ndiyanqwenela ukuya esikolweni sokuzoba ndiyofunda ukuze nam ndibe nesatifiketi ukuze abantu bazokundithemba. Ingxaki abantu abaninzi abakuthembi, kwaye abakuniki ngqalelo xa ngaba into oyenzayo ungayifundelanga ngoba bafuna ukubona iphepha (isatifiketi). Kwaye naxa ubaxelela ixabiso basoloko bekhalaza oko nam ndide ndincame ndihle,” ucacise ngelitshoyo. Uthe oko waqala ukuzoba ngokuzimisela azange wangenela nalunye ukhuphiswano lwabazobi.

“Andinalwazi lokuba ndingenza njani na ukuze nam ndikwazi ukungenela ukhuphiswano xa lukhona. Andinalwazi lwezinto ezininzi, kodwa ukuzoba kona ndiqinisekile ngako,” ucacise ngelitshoyo.

Uhambise wathi ukuzoba umntu uchitha nje iiyure ezimbini. “Amaxesha amaninzi xa ndizoba ndisebenzisa ipensile kunye nepeni, kodwa ndiyakwazi nokuzoba ngepeyinti. Umzekelo, ngamanye amaxesha ndiye ndicelwe ngabantu bendawo ezithengisa utywala, iivenkile okanye indawo ezigcina abantwana ukuba ndibazobele kwindawo abasebenzela kuzo,” uthethe watsho.

Uthe abanye babantu abaziwayo esele ekhe wabazoba ngowayesakuba ngomongameli waseMzantsi Afrika uNelson Mandela, nowayesakuba ngumlinganiswa kumabonakude nowayengumama kasaziwayo uSomizi Mhlongo uMary Twala, kunye nomnye umdaka waseAmelika owabulawa ngamapolisa uGeorge Floyd.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When assisting your child with remote learning this year, did you:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Follow the school's comprehensive sexuality education (CSE) curriculum?
12% - 28 votes
Adjust the CSE curriculum to suit the family's morals?
22% - 51 votes
Ignore the schools CSE programme and do your own teaching?
66% - 151 votes
Vote
ZAR/USD
15.16
(+0.29)
ZAR/GBP
20.26
(+0.24)
ZAR/EUR
18.07
(+0.25)
ZAR/AUD
11.19
(+0.01)
ZAR/JPY
0.15
(+0.08)
Gold
1809.27
(+0.01)
Silver
23.27
(+0.38)
Platinum
961.00
(+0.29)
Brent Crude
47.75
(-1.52)
Palladium
2394.00
(+1.12)
All Share
57953.17
(+0.05)
Top 40
53126.09
(+0.08)
Financial 15
11815.62
(+1.46)
Industrial 25
80054.11
(+0.08)
Resource 10
52434.92
(-0.67)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo