Wenza utshintsho uDyonasi

Owayesakuba ngunqevu nongumphathi weMakukhanye Art Room uSiphesihle Dyonasi ukhuthaza ulutsha ukuba lugxile kakhulu ezifundweni zabo. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE
Owayesakuba ngunqevu nongumphathi weMakukhanye Art Room uSiphesihle Dyonasi ukhuthaza ulutsha ukuba lugxile kakhulu ezifundweni zabo. UMFANEKISO: UNATHI OBOSE

Wonke umntu unelungelo lokunikwa ithuba lesibini lokuba alungise impazamo zakhe ebomini, la ngamazwi etyendyana laseKhayelitsha uSiphosethu Dyonasi, (onama 27).

U-Dyonasi, nowayesakuba lilungu leqela loonqevu iitalians kwingingqi yakoo S, eSite B, ukwamemelele kuluntu ukuba luyeke ukugweba nokujaja abantu ngenxa yeziphoso zabo.

Emva kokuchitha iinyanga eziliqela elala eqamele ngenqindi kwizisele zentolongo yasePollsmoor, e Tokai, kungoku nje uDyonasi wenza umahluko kwimpilo yolutsha kwindawo yaseKhayelitsha ngokubanzi. Usebenza njengomphathi kwiqonga lenkcubeko no lonwabo iMakukhanye Art Centre, eSite B.

Kudliwano-ndlebe neCity Vision uDyonasi udandalazise indlela abaphantse batshabalala ngayo ubomi bakhe emva kokubandakanyeka kwiziganeko zolwaphulo-mthetho.

Ngomnyaka ka 2010, ngethuba elilungu loonqevu, uDyonasi wanqakulwa wavalelwa emva kokubulawa kwelungu leqela loonqevu ivato ngethuba longquzulwano phakathi kwala maqela. Uhambise wathi ityala laqhuba iinyanga ezisithoba wabe ezamla ngaphaya kwezitshixo lonke elo xesha.

Oku kwenzeka efunda ibanga lethoba kwisikolo samabanga aphakamileyo iLuhlaza. “Ngenxa yokuba kwakungekho bungqina bupheleleyo ndaye ndakhululwa,” utshilo Dyonasi.

Emva kokuba ephumile eluvalelweni uthe kwanyanzeleka ukuba aye kuhlala ku malume wakhe eHarmanus, ubaleka umsindo wabahlali base SiteB. “Ndandingamazi umalume ndandiqala ukumbona ngqa ebomini bam. Kodwa kwakunyanzelekile ukuba ndiye kuba ndandisoyikisela ubomi bam,” utshilo.

U-Dyonasi, nowaziwa luninzi ngegama lika Mhambi, uthe uchithe iminyaka emihlanu eHermanus, phambi kokuba abuyele eKhayelitsha.

Uhambise wathi uthando lwakhe kwezeqonga lwaqala ngethuba ehlala eHermanus, ukanti kulapho nobomi bakhe bathi batshintsha kakhulu. Ngomnyaka ka 2013 wathi wazibandakanya nenkolo yobu Rasta neyamnceda kakhulu yamfundisa intlonipho. Ukanti ngomnyaka ka 2015 waqala iqela lomdlalo wezeqonga i-Abahambi Arts Movement, eHermanus, nalapho wayesebenzisana nolutsha.

Ngomnyaka ka 2016 wabuyela eKhayelitsha nalapho wathi wazibandakanya neqela lomdla weqonga iMakukhanye.

“Ufika kwam apha kwakungekho lula kuba abantu abaninzi babendijonga nje ngomntu osengunqevu nangona ndandibaxelela ukuba ndatshintsha,” uthethe watsho. Wongeza ngelithi kwaye kwanyanzeleka ukuba azame ukuba abonise abantu ukuba uguqukile ngokwezenzo zakhe. “Mna andizange ndizibandakanye kula maqela oonqevu kuba ndandithanda, koko ndanyanzeleka kuba iqela lako S lalisilwa nelalapha kooB,” utshilo.

“Ngenye imini ndathi ndisuka esikolweni ndahlaselwa kodwa ndasinda ngoba ndabaleka. Nam ndayokulanda elam iqela sayokubakhangela salwa salimaza abantu ababini.”

Kungoku nje umaxhaphetshu neqela lakhe baphuhlisa izakhono zolutsha kwizinto ezahlukeneyo kuquka imidlalo yezeqonga, imibongo, umculo kunye nomdaniso.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When a Covid-19 vaccine for under 16's becomes available, will you be taking your children to get it?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, immediately!
38% - 2951 votes
I'll wait to see how others respond
26% - 2039 votes
No, I don't think they need it
36% - 2863 votes
Vote
ZAR/USD
14.98
(+0.29)
ZAR/GBP
20.86
(+0.69)
ZAR/EUR
18.05
(+0.69)
ZAR/AUD
11.64
(+0.09)
ZAR/JPY
0.14
(+0.60)
Gold
1723.82
(-0.84)
Silver
26.49
(-0.99)
Platinum
1184.00
(-0.96)
Brent Crude
64.90
(0.00)
Palladium
2349.99
(+0.85)
All Share
67536.96
(+2.12)
Top 40
62107.04
(+2.23)
Financial 15
12456.31
(+2.10)
Industrial 25
88082.08
(+2.25)
Resource 10
68969.71
(+2.24)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo