
Ayaqhuba amalungiselelo omngcwabo wamakhwenkwe amane aseVukuzenzele nathe asweleka emva kokuzika esantini ngakuhola wendlela uN2 kwiveki ephelileyo.
Esi sihelegu nesishiye abaninzi bekhwankqisekile sitsale umdla wabaninzi nalapho side sabona oosopolitiki bethe rhoqo bendwendwela amakhaya amaxhoba ukuya kugxwala emswaneni.
La makhwenkwana kulindeleke angcwatye kule mpelaveki siya kuyo ngoMgqibelo kwindawo ezahlukeneyo asuka kuzo eMpuma Kapa.
Kungoku nje lendawo yexhwayelo, nekukholeleka ukuba abantu bebesikha kuyo isanti yezindlu zabo, idityiwe yavaleka.
Eli nqaku lithe lapapashwa yiCity Vision yeveki ephelileyo ukanti lushiye iintsapho noluntu zixhelekile (“Baginywe ngumhlaba” February 11 2021)
Umphathiswa wezothutho ephondweni uBonginkosi Madikizela uvakalise udano sesi sihelegu ngethuba endwendwele ezi ntsapho ngomhla we11 kweyoMdumba.
Uthe bengurhulumente wephondo bakunye neziintsapho ngelixa libihlungu kangaka lonxunguphalo.
“Ndiye ndaya ndayokuhlola le ndawo yexhwayela. Sizakwenza uphando olupheleleyo kwaye inkcukacha zakuthi zikhutshwe xa iziphumo sizifumene,” utshilo uMadikizela.
Uhambise wathi ukhuseleko loluntu yenye yezinto ezibalulekileyo esebeni lakhe, kwaye bafuna ukulibona lukhuselekile maxa onke.
Ulebele ngelithi isebe lakhe libambisene nosokontilakha bayazivavanya zonke iindlela zephondo amatyeli amaninzi evekini, balungise apho kufunwa ulungiswa khona okanye batshintshe apho kufuneka kukho into efuna utshintshwa ukuqinisekisa ukhuseleko loluntu.
“Imo yendlela eseBorcherds Quarry kuhola wendlela uN2 ayiphazamisekanga. Njengoko bekuchaziwe yinkolelo yethu ukuba kwiveki ephelileyo onqevu bagrumbe isanti eninzi kule ndlela nekhokhelele ekuweni kwenxalenye yezinto zokwakha kule ndlela ngelolixa abantwana bebezidlalela bengazi ubungozi,” utyatyadule njalo okaMadikizela.
U-Madikizela umemelele kumapolisa nakumanye amasebe ezomthetho ukuba abonakale rhoqo kule ngingqi ukuze akhusele izehlo ezikumila kunje.
Ukwabongoze ukuhlala ukuba kuxele abo benza oku kusaqala.
NgoMvulo umhla we15 kweyoMdumba i-arhente ejongene nenkxaso yoluntu iSASSA indwendwele la makhaya nalapho ithe yanikezela khona ngokutya ukuze kugxothwe ikati eziko.
U-Patience Peterson, wakwaSASSA, uthe emva kokuba umphathiswa kazwelonke uLindiwe Zulu ethe mabangenelele ubone kulungile ukuba bazise ezipasile zokutya nangona zingazokubuyisa nje imiphefumlo yabantwana.
“Okuncinci esinokwenza sithi masikwenze nangona sisazi imiphefumlo ayiphindi ibuye emva kwesehlo esinje. Kodwa ke sithi masizise noko into yokuthuthuzela kula makhaya azibona ekulemeko ibuhlungu kangaka,” utshilo oka Peterson.
Othethele ezintsapho, uLunga Isaac ubulele kakhulu ngenkxaso abathe bayifumana emva kwesi sihelengu.
“Kuni ningakubona kukuncinci oku, kodwa kuthi sizezintsapho siyakubulela oku. Sithi nakumanye amakhaya alilayo zenenze oluhlobo,” utshilo u-Isaac ongutata omncinci ka Azola Quweni omnye wamaxhoba alentlekele.
U-Isaac uthe belusapho bebesajonge kakhulu kule dyongwana njengoko ibingumntu ebezithanda kakhulu ezemidlalo neencwadi zakhe zesikolo.
“Kulonyaka ebezayokungena ibanga lakhe lesithandathu. Besijonge lukhulu kakhulu kuye ngoba ibhola ebeyithanda sesuka nakuvavanyo (trials) kwiqela le Ajax Cape Town,” utshilo u-Isaac ebonakala edandathekile.
U-Nombutho Magqwala, ongumakhulu kaNqabayomzi Mlaza, uthe belikhaya bakuthi bakhululeke emphefumlweni xa bethe bayokumbeka unyana wabo kwikhaya lakhe lokugqibela ezilalini eNgcobo.
“Akukhonto intle kwaphela. Kodwa ke siyazama sizomeleza kwaye nokufumana amazwi enkuthazo ebantwini kuyasinceda ngelilixa. Noko sinethemba kwakuba bhetele xa uthe wagqitha lomsebenzi,” utshilo uMagqwala.
Amanye lamakhwenkwana ngu Axolile Mabangula no Iva Kalikopu.
Ukanti ngolweSibini umhla we16 kweyoMdumba lamakhwenkwana ebebanjelwe isikhumbuzo (memorial service) kulengingqi.