Zonwabile iintsana eBaphumelele

Abantwana abahlala kwikhaya labantwana abazinkedama iBaphumelele bonwabele isidlo sabo ebebesiphekelwe ngamalungu eSakha Umfazi Onesidima.
Abantwana abahlala kwikhaya labantwana abazinkedama iBaphumelele bonwabele isidlo sabo ebebesiphekelwe ngamalungu eSakha Umfazi Onesidima.

Ibiyimincili nochulumananco kubantwana abahlala kwikhaya leenkedama iBaphumelele, eKhayelitsha, ngexesha bendwendwelwe ngamalungu ombutho wamanina iSakha Umfazi Onesidima ngoLwesine umhla 10 kweyoMnga.

I-Sakha Umfazi Onesidima ngumbutho ozimeleyo nokhusela amalungelo abantwana, ukwalwa ukuxhatshazwa kwabantu abangoomama kunye nabantwana.

Kwinzame zokubonisa uthando nenkxaso kwabo bangathathi ntweni, lo mbutho ugqibe kwelokuba undwendwele eli khaya ngeli xesha lokuphela konyaka ukuze uphekele abantwana beli khaya. I-Baphumelele igcina abantwana abancinci abangenabazali ukususela kwiimveku ukuya kwi 18 leminyaka.

Umququzeleli walo mbutho uSizolakha Filtane uthe injongo yabo ibikukonwabisa abantwana nokubabonisa uthando. “Besizobaphekela nje isidlo seKrisimesi ukuzama ukubabonisa uthando. Asifuni ukuba bazibone ngongathi bahlelelekile kuba bengenabazali. Besifuna ukubabonisa ukuba nabo bayathandwa abalahlwangwa,” utshilo uFiltane.

Uthe nanjengoko bengumbutho okhasayo, kodwa bakwazile ukufezekisa umnqweno wabo. “Siyaqala ukwenza into ekumila kunje. Kuye kwanyanzeleka ukuba sikhuphe ezikhwameni zethu sidibanise ngoba asinamali,” ucacise watsho.

Waleke ngelithi akhona namanye amakhaya agcina iinkedama abasebenzisana nawo.

Ongumphathi woonontlalontle eBaphumelele uNonkululeko Lolwana uthe bavuyile kakhulu kokwenziwe ngulo mbutho, nangendlela ababonwabise ngayo abantwana.

“Kuthi yinto enkulu le yenziwe ngaba mama noxa komnye umntu inokhangeleka nje ngento engenamsebenzi. Abantwana bebonwabile kwaye bekhululekile,” utshilo uLolwana. Uqhube wathi eli khaya lixhomekeke kumalizo nakubantu ababangqungileyo ukubabonelela ngezinto. “Umnqweno wethu kukuba abantwana bazibone bekhuselekile kwaye benento yokutya,”utshilo uLolwana.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
When a Covid-19 vaccine for under 16's becomes available, will you be taking your children to get it?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, immediately!
38% - 3868 votes
I'll wait to see how others respond
26% - 2636 votes
No, I don't think they need it
36% - 3732 votes
Vote
ZAR/USD
15.32
(-0.27)
ZAR/GBP
21.16
(+0.35)
ZAR/EUR
18.28
(+0.07)
ZAR/AUD
11.74
(+0.39)
ZAR/JPY
0.14
(+0.25)
Gold
1694.33
(+0.03)
Silver
25.21
(-0.29)
Platinum
1122.46
(+0.32)
Brent Crude
67.21
(+4.17)
Palladium
2331.00
(+0.24)
All Share
67768.14
(+0.04)
Top 40
62323.81
(+0.12)
Financial 15
12504.45
(-1.34)
Industrial 25
87455.36
(-0.50)
Resource 10
70173.36
(+1.46)
All JSE data delayed by at least 15 minutes morningstar logo