Ugwetyiwe owadlwengula isiza -nanina

IGWETYWE iminyaka elishumi elinesibhozo indoda yaseLower Nomaheya Village kwidolophu yaseNgqamakhwe, nedlwengule yaza yakhulelisa intwazana eyatshata nomama wayo (isiza- nanina). Lo mfo ugwe-tywe yiNkundla yamatyala yase Tsomo kule veki iphelileyo. Esi siganeko senzeke ngenyanga kaSeptemba 2012.

Ummangalelwa (40) lo igama lakhe alina kuthiwa pahaha kuba kukhuselwa ixhoba eli. Ngelixa ummangalelwa esenza la manyala ube neminyaka eyi-38, ixhoba line minyaka eyi-14 ubudala.

Ingxelo ethunyelwe ngosisithethi sama-polisa uCaptain Jackson Manatha ithi, inkosikazi kammangalelwa yaya kutshatela kuye ihamba nabantwana bayo ababini, umntwana oyinkwenkwe kunye noyi- ntombazana (14).

“Ixhoba eli liye labonwa ngutitshala we-sikolo salo ngonyaka ka-2013 kwinyanga ka Januwari ukuba likhulelwe. Utitshala lo ube sele ebiza umama walo ze wamazisa ngento ayirhanelayo. Ngokwenene umama wexhoba ulithathile ze walisa kwiziko lezempilo ukuba lixilongwe,” kubeka uManatha.

UManatha uthi ngokwenene iingxelo ziphume zisithi le ntwazana ikhulelwe kodwa yala yaphetha ukuxelela umama wayo ukuba ngubani oyikhulelisileyo.

Lo ka Manatha uthi ithe yakusiwa koo-noNtlalontle le ntwazana yafika yatsho ukuba ithe yadlwengulwa ngummangalelwa ngelixa umama wayo engekho eye enkonzweni.

“Ityala eli lithe laphandwa licandelo elibizwa ngokuba yi Butterworth Family Violence, Child Protection and Sexual Offences Unit (FCS).”

Ukanti iKomandanti yeCluster yase Gcuwa uBrigadier Stanley Sibidla usamkele ngezandla ezi shushu esi sigwebo watsho esithi, esi sigwebo siya kuba sisifundo nakwa banye onqevu abajonge ukudlwengula abantwana.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
Is social media doing more harm than good?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, our children are exposed and we can't protect them
49% - 4978 votes
Yes, but social media is part of the new reality
45% - 4590 votes
No, it's great for growing a child's world view
5% - 522 votes
Vote
USD/ZAR
14.05
-0.1%
GBP/ZAR
19.84
+0.8%
EUR/ZAR
17.05
-0.3%
AUD/ZAR
11.01
-0.4%
JPY/ZAR
0.13
-0.3%
Gold
1,836.17
+0.3%
Silver
27.31
-0.5%
Palladium
2,958.47
+1.0%
Platinum
1,250.27
-0.5%
Brent Crude
68.28
+0.3%
Top 40
62,389
-0.3%
All Share
68,377
-0.2%
Resource 10
72,112
+0.9%
Industrial 25
85,665
-1.4%
Financial 15
12,740
+0.2%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo