Batshe bangqongqa

0:00
play article
Subscribers can listen to this article
Usapho luka mfi uMziwamadoda Dwayi lidibene emva ukuzokwamkela umphanga. Ukusuka ekhohlo nguNokuthula Mgwebi (unxibe isikipa esimhlophe), Zukiswa Dwayi, Nyameka Mhlakaza, Nomalungelo Somatika kunye noThembeka Nogcado. IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE
Usapho luka mfi uMziwamadoda Dwayi lidibene emva ukuzokwamkela umphanga. Ukusuka ekhohlo nguNokuthula Mgwebi (unxibe isikipa esimhlophe), Zukiswa Dwayi, Nyameka Mhlakaza, Nomalungelo Somatika kunye noThembeka Nogcado. IMIFANEKISO: UNATHI OBOSE

Abahlali bendawo yamatyotyombe iThabo Mbeki bashiyeke bekhwankqisiwe sisihelegu somlilo esitshise ityotyombe nalapho kuye kwasweleka abantu abathathu.

Ngokweengxelo le ntlekele yenzeke ngentseni yangoLwesihlanu umhla wama 26 kweyoMdumba. Kuvakala ukuba lo mlilo uqale ngentsimbi yesihlanu ekuzeni kokusa, kwaye unobangela ubungekaziwa.

Ukanti uMziwamadoda Dwayi (onama 31 eminyaka) kunye nezizalwane zakhe uSiphamandla Mhaga (ominyaka mi 5) no Enzokuhle Mhaga (ominyaka mi 3) batshe kwanzima nokubafanisa.

Ephefumla ngesi sithwakumbe uZukiswa Dwayi, nongudade boMziwamadoda, uthe basaxhelekile belusapho kwaye abazazi ukuba bazakuqala ngaphi ukuhlangabezana nale meko.

“Ndimgqibele uMziwamadoda ngentsimbi yesithathu ekuseni, ephuma apha endlini esiya kwitshomi yakhe le itshelwe yihoki. Bebezonwabele phaya bezihlelele,” utshilo uZukiswa.

Uqhube wathi ngokwenkcazelo ayifumene kuNolukholo Mhaga (onama 35), nongumnini wehoki, umlilo uqale ngaphandle mayela nasemnyango.

“Uthe yena wothuswe bubushushu ngaphakathi ehokini. Xa ephuma ekamereni eyokukroba ngaphambili ubone idangatye kunye nomsi sele uvale apha ngasemnyango. Uye wathatha omnye umntwana wakhe omncinci oneenyanga ezilishumi wambeleka wamgquma ngengubo waze watsala nomnye oneminyaka esixhenxe waphuma nabo,” ucacise watsho uZukiswa.

Waleke ngelithi uthe uNolukholo xa ephuma wakhwaza uMziwamadoda ngelithi makaze nabanye abantwana.

U-Zukiswa, nobeyingxididi ziinyembezi, uthe imizimba yabafi bayibone emva kokukucinywa komlilo.

“Umzimba kaMziwamadoda noka Enzokuhle ifunyenwe idunduluzile apha ngaphambili (dining room), ngelixa oka Siphamandla ufunyenwe uphezu kwebhedi kubonakala ukuba ebelele,” utshilo uZukiswa.

Uthe owona mcelimngeni ngamalungiselelo omngcwabo. “Siyacela amalizo nakuye nawuphi na umntu onokwazi ukusinceda oku kokuba sikwazi ukuba sigoduse umzimba ka Mziwamadoda siyomngcwabela ecaleni kooyise mkhulu eNcora, eCofimvaba,” uqhube watsho.

Uhambise wathi uzakumkhumbula umntakwabo nanje ngomntu obeliqhula, kwaye ekuthanda ukupheka. Ngethuba iCity Vision indwendwele kule ndawo emva kwemini ngoLwesihlanu umama wabantwana ebetyelele izihlobo eNyanga. Ukanti ubugoxo obushiywe ngulo mlilo bebuhleli nje bulinde ukuqokelelwa.

Omnye wabamelwane uMembathisi Miti uthe wothuswe yingxolo yabahlali bekhwaza ngaphandle besithi “kuyatsha”.

“Ndithe xa ndiphuma ndiyokukroba ndabona idangatye elikhulu lomlilo ndabuyela ngaphakathi ehokini ndanxiba. Ndiye ndazama ukukhupha impahla ngaphakathi ndachitha nehoki yam ngenjongo zokuyisindisa emlilweni,” utshilo uMiti.

Uthe abahlali bazamile ukucima lo mlilo ngaphambi kokuba kufike izicima-mlilo zeSixeko saseKapa.

Uhambise wathi kokwesibini kusitsha kule ngingqi. “Kulo nyaka uphelileyo kweyeDwarha bekukhe kwatsha iihoki eziliqela, kodwa akuzange kubhubhe mntu. Nalo umlilo ukhawulezisile ukuyigubungela ihoki ngoba bekukho umoya omkhulu ekuseni,” utshilo uMiti.

Othethela icandelo lezomlilo kwiSixeko u-Jermaine Carelse usingqinile esi siganeko, watsho esithi bafumene umyalezo nge 5:30 ekuseni ubazisa ukuba ikhona ihoki etshayo eThabo Mbeki.

“Abasebenzi bezicima mlilo baseGugulethu ibe ngabokuqala ukufika. Baye baxelelwa ukuba kukho abantu ebebesehokini abangabonwayo. Baye bawucima wonke umlilo nge 6:30. Bathe ngokuya bekhangela babona imizimba emithathu idunduluzile,” utshilo uCarelse.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
As a child or as an adult, have you ever been a victim of bullying?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, at school
53% - 441 votes
Yes, at work
16% - 133 votes
No, I've never experienced this
31% - 262 votes
Vote
USD/ZAR
14.31
(0.0)
GBP/ZAR
19.81
(0.0)
EUR/ZAR
17.15
(0.0)
AUD/ZAR
11.07
(0.0)
JPY/ZAR
0.13
(0.0)
Gold
1,776.67
(0.0)
Silver
25.97
(0.0)
Platinum
1,203.79
(0.0)
Brent Crude
66.77
(-0.3)
Palladium
2,781.00
(0.0)
All Share
68,699
(+1.3)
Top 40
62,898
(+1.3)
Financial 15
12,446
(+0.8)
Industrial 25
89,364
(+0.8)
Resource 10
70,350
(+2.2)
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo