Bayaxolisa oonotaxi

0:00
play article
Subscribers can listen to this article
Imbalelwano eyenze isankxwe nekhutshwe ngumbutho woonotaxi iCodeta kwiveki ephelileyo ngoLwesibini umhla we16 kweyoMdumba. UMFANEKISO: NGOWABUCALA
Imbalelwano eyenze isankxwe nekhutshwe ngumbutho woonotaxi iCodeta kwiveki ephelileyo ngoLwesibini umhla we16 kweyoMdumba. UMFANEKISO: NGOWABUCALA

Ugobe uphondo umbutho woonoteksi iConvention of Democratic Taxi Association (Codeta ngamafutshane) wangxengxeza ngembalelwano yawo ebhebhetha iinkonzo zothutho eziquka iUber.

Le ngxelo, nepapashwe ngoLwesibini umhla we 16 kweyoMdumba, ibangele isankxwe kumaqonga ezonxibelelwano nakuluntu ngokubanzi, kwaye ithe yakhokelela kwintlanganiso yesaquphe phakathi kwalo mbutho kunye nomphathiswa wezothutho ephondweni uBonginkosi Madikizela.

Ngokwale ngxelo zonke iimoto ezincinci ezithutha uluntu zinikwe uphum’ aphele kuzo zonke iindawo ezineemoto zakwa Codeta.

“Umbuto ka Codeta jikelele awufuni noyibona iToyota Avanza, Urber, Honda nezinye imoto ezincinci azivumelekanga zilayishe abantu emhlabeni ka Codeta,” ihambisa inje le ngxelo.

Kulandela ukunxakama koluntu, lombutho unqwalile ekubeni le ncwadi ibhalwe ngendlela engeyiyo, watsho ungxengxeza.

Isithethi sika Codeta uAndile Khanye uthe le mbalelwano akhange ibhalwe ngendlela efanelekileyo, kwaye bayayirhoxisa.

“Ewe siyavuma le mbalelwano ibibhalwe ngumbutho, kodwa ke inazo iziphene enazo. Okubalulekileyo esifuna ukugqithisa kokokuba izinto zaseKhayelitsha mazixhanyulwe ngabantu balapha hayi abenye indawo,” utshilo uKhanye. “Thina bantu bakushishino lwe taxi sinemizila esihamba yona. Umzekelo soze usibone silayisha eNyanga. Kodwa thina apha eKhayelitsha sibona abantu esingabaziyo noba ithini imizila yabo ke sithi lonto mayiphele.”

Oka Khanye uqhube wathi abanayo ingxaki neemoto ezithutha abantwana besikolo ezifana nebhaki, kodwa abafuni kumbona omnye umntu ongomnye othutha abantu kakhulu ngexesha eligxamisekileyo (pick hour) ngaphandle kweetaxi.

“Umntu angamkhwelisa umntwana wakhe ukumsa esikolweni, asithi akanakukwazi.

“Ntonje asifuni kubona abantu bexhamla kushishino lwethu singayazi ukuba bahamba imizila ephela phi abafana noUber aba,” wongeze ngelitshoyo uKhanye.

Ukwabongoze uluntu ukuba lubandwendwele xa lunengxaki ukuze kufumaneke isisobombululo esi siso.

“Umntu onengxaki makaze kuthi ngoba iiminyango yethu ihleli ivuliwe ukuze sibone sesiphi isigqibo esakuphuma naso, nathi asithi sizakuphuma nesigqibo esifunwa nguye rhoqo. Kule ndawo yomhlaba siyicelela uxolo lonto ibeyimpazamo kodwa ke impazamo ikhona nakubani na,” utshilo uKhanye.

Ephawula ngale mbalelwano uMadikizela uthe ufumene uthotho lwemiyalezo neminxeba emva kwale mbalelwano ka Codeta.

“Emva kwexesha elide lengxongxo uCodeta uvumile ukuyisusa le mbalelwano. Bezininzi izinto esizixoxileyo kulo mhlangano nezikhokhelele ekubeni uCodeta ayibhale,” utshilo uMadikizela.

Uhambise wathi uchwayitile kukho isivumelwano sokuyirhoxisa le mbalelwano ngelixa besazama ukufumana izisombululo kwizinto ezidla umzi eziphakanyiswe ngumbutho kaCodeta.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
Would you choose to continue working from home after the coronavirus lockdown if given the option?
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
Yes, it's much better for me
40% - 7601 votes
No ways! I can't wait to get back to the office
12% - 2217 votes
A mixture of both would suit me best
48% - 9186 votes
Vote
USD/ZAR
14.39
(-0.0)
GBP/ZAR
19.83
(-0.0)
EUR/ZAR
17.24
(-0.0)
AUD/ZAR
11.11
(-0.0)
JPY/ZAR
0.13
(-0.0)
Gold
1,741.91
(+0.3)
Silver
25.50
(+0.3)
Platinum
1,177.00
(+0.3)
Brent Crude
66.58
(+4.6)
Palladium
2,700.00
(+0.8)
All Share
67,812
(0.0)
Top 40
62,084
(0.0)
Financial 15
12,163
(0.0)
Industrial 25
88,847
(0.0)
Resource 10
69,024
(0.0)
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo