City Vision

Isilumkiso semibutho

accreditation
0:00
play article
Subscribers can listen to this article
USiyabonga Macaula, uSihlalo weCommunity Policing Forum (CPF) ulumkisa uluntu nanjengoko unyaka uthambekile kuzakohlulwa kwimigalelo yophela konyaka. UMFANEKISO: MZWANELE MKALIPI
USiyabonga Macaula, uSihlalo weCommunity Policing Forum (CPF) ulumkisa uluntu nanjengoko unyaka uthambekile kuzakohlulwa kwimigalelo yophela konyaka. UMFANEKISO: MZWANELE MKALIPI

Nanje ngoko sele zisemnyango iziyunguma zokuphela konyaka, umbutho wokhuseleko loluntu ekuhlaleni iLwandle Community Policing Forum (CPF) ngabula marhanuga, uhlabe ikhwelo kuluntu ukuba luvundle khon’ ukuze bangakhothi naphantsi oozungulichele abaphila ngokuzithathela ngenkani.

“Siyacela, sikwabongoza ukuba abantu bakuthi bajonge ezinye indlela abanokuzisebenzisa ngoba apha phandle kukho abantu abalambele lentsebenzo bebeyisebenza unyaka lo,” ulumkise ngelitshoyo usihlalo we CPF uSiyabonga Macaula.

Oka Macaula ebephalaza imbilini yakhe ngezenzo ezithande ukuqatsela ngexesha lokuphela konyaka, nalapho imigewu ithi ijonge ngelokhozi abantu kunye nemibutho eyenza izahlulo zemali emva kokonga phakathi enyakeni.

U-Macaula uqhube wathi kwiminyaka emihlanu eyadlulayo babekhe babalumkisa abantu bekwacebisa ukuhlala ngendlela ezingcono ezinokuthi ziphelise izenzo zokukhuthuzwa kwabantu iimali zabo abazisebenzele nzima enyakeni.

Ezindlela ziquka ukufaka imali ebhankini ukuze ithunyelwe kwiziqu ezo, okanye kucelwe uncedo lwamapolisa ukuqinisekisa ukhuseleko.

“Minyaka neminyaka kusoloko kuthe gqolo kuvakala iziganeko nalapho iimibutho ithi isohlulo kufike izigilamkhuba zithathe iimali zamalungu zakugqiba ziphele emehlweni zishiyeke ezintliziyweni,” utshilo.

Uthi le meko iyabaxhalabisa, kwaye bazama kangangoko ukunceda belumkisa bekwakhumbuza uluntu ngemeko ezinje nanjengoko kusele inyanga inye kuphele unyaka okanye imibutho iqalise ukwahlula imali.

“Kule minyaka igqithileyo sisaqhubeka sisiva iziganeko zabantu abathathelwa imali ngexa behleli bezakuyohlula. Bathi abantu bakuthi besohlula imali njalo kusuke kungene abafana bayithathe lo mali baphele emehlweni,” utshilo uMacaula.

“Sizama ukubethelela kuluntu lwakuthi ubungozi bokwahlula le mali sikwacela sibongoza ukuba bajonge ezinye indlela ngoba iimeko ezikumila kunje zizakuxhaphaka mpela ngoku. Siyayazi abantu abamnyama bakhule phantsi kweemeko ngemeko ezahlukeneyo abanye abantu bafuna imali ukuyibamba apha kubo esandleni, kodwa ke sifuna thina bangakulibali ubungozi bayo yonke lonto,” utshilo uMacaula.

U-Macaula uthe kule mihla buninzi ubundlobongela, kwaye uluntu kufuneka luhlale luvundlile ukuze lungaziboni lugaxeleka kwiimeko ezikumila kunje.

“Sicela abantu bakuthi bawumamele lo myalezo baze bahambe nawo bafike bayiphakamise le mbono kwimibutho yabo ukuze kusinde bantu abaninzi kwezi ziganeko zikumila kunje,” umemelele njalo uMacaula.

Isithethi samaPolisa aseLwandle uKhonst Mthokozisi Gama naye uhlabe ikhwelo kuluntu lwemigalelo ukuba luhlale luvundlile nanjengoko ixesha lokwahlula lisondele.

“Esi simemelelo sethu sokulumkisa amalungu emigalelo siza emva kokuba kwangelixesha kwiminyaka egqithileyo kwabakho izehlo ezinjalo. Sicela sikwalumkisa uluntu ukuba lubaze iindlebe, luqaphele xa luzakudibana luncokole ngento edibene nokwahlulwa kwemali ngeli xesaha,” ubongozile uGama.

Naye uhlabe ikhwelo esithi amalungu emigalelo kufuneka ajonge ezinye indlela kwakunye nendawo ezikhuselekileyo ukwenza oku. Uthe amalungu anocela nokuba imali yabo ithunyelwe kwiziqu ngqo ukuze kongee ixesha kukwakhusela nokukhuthuzwa.

“Ibhanki zinganceda nazo ngokuthi zikhuphe itsheki kumalungu ezitokfela, kwaye ezingcebiso zinganceda namalungu enza imigalelo yokutya njengoko nabo beba ngamaxhoba kulwaphulo mthetho. Ukuba uluntu lufuna ukwazi uluntu malungathandabuzi luqhangamishelane namapolisa,” utshilo.

We live in a world where facts and fiction get blurred
In times of uncertainty you need journalism you can trust. For only R75 per month, you have access to a world of in-depth analyses, investigative journalism, top opinions and a range of features. Journalism strengthens democracy. Invest in the future today.
Subscribe to News24
Lockdown For
DAYS
HRS
MINS
Voting Booth
President Ramaphosa has punted the idea of mandatory Covid-19 vaccinations for South Africans. This is:
Please select an option Oops! Something went wrong, please try again later.
Results
The right thing to do. We desperately need more South Africans vaccinated to prevent further mutations and restore normality in our lives.
71% - 9708 votes
A risky strategy. Compulsory vaccinations may have unintended consequences and damage our rollout campaign.
29% - 3908 votes
Vote
Rand - Dollar
16.14
-1.3%
Rand - Pound
21.37
-0.1%
Rand - Euro
18.26
-0.0%
Rand - Aus dollar
11.30
-0.0%
Rand - Yen
0.14
-0.0%
Gold
1,783.48
0.0%
Silver
22.55
0.0%
Palladium
1,816.00
0.0%
Platinum
936.31
0.0%
Brent Crude
69.88
+0.3%
Top 40
64,307
-0.4%
All Share
70,808
-0.3%
Resource 10
66,503
-1.6%
Industrial 25
93,791
+0.1%
Financial 15
13,982
+0.7%
All JSE data delayed by at least 15 minutes Iress logo
Editorial feedback and complaints

Contact the public editor with feedback for our journalists, complaints, queries or suggestions about articles on News24.

LEARN MORE